1. I-Economics, esisifundo ozikhethelayo (elective subject) esifundiswa kwicandelo le-FET, sineziphumo zokufunda ezine, ezizezi, iMacro-Economics, iMicro-Economics, iEconomic Pursuits neContemporary Economic Issues.
2. Ekupheleni koomasifundisane bokuqhelanisa ootitshala nesi sifundo ngeeholide zikaJuni/Julayi ngowe-2006, ootitshala abaninzi bavakalisa ukuba bafuna ikhosi yokubahlaziya kwiMicro-Economics ukuze bakwazi ukufundisa ikharityhulam entsha ye-Economics ngendlela eyiyo.
3. Ikhosi yokuzihlaziya yosuku olunye iya kuqhutywa ngeMigqibelo, njengoko kubonisiwe kwisiHlomelo B. Le khosi ifundisa ngeMicro-Economics (IsiPhumo soKufunda 2).
4. Ootitshala abantetho isisiNgesi mababhalise kwii-EMDC zabo. Ootitshala abantetho iyi-Afrikansi abakwii-EMDC ezisezidolophini bangabhalisa kwi-EMDC ekufutshane nabo eyenza le khosi nge-Afrikansi (o.k.t. kwiMetropole North okanye kwiMetropole East).
5. Kucetyiswa ukuba bonke ootitshala be-Economics beBakala 10 - 12 baye kulo masifundisane. Le khosi iya kuqala ngqo ngo-8:30 kusasa iphele ngo-16:00. Kuya kubakho iziphungo nesidlo sasemini esilula.
6. Ootitshala bayacelwa ukuba beze kumasifundisane bephethe i-Grade 10-12 Economics Learner Books and Teacher Guides zabo.
7. Ootitshala basemaphandleni baya kubuyiselwa ngeendleko zokuhamba. Ootitshala abanenjongo yokwenza amabango ngezi ndleko mabeze nale ngcaciso ilandelayo kwindawo eqhubekela kuyo ikhosi:
  • Inombolo ye-PESALI
  • Umthamo wenjini yesithuthi nonyaka esenziwe ngawo
  • Umgama oziikhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwindawo yendibano
8. Ootitshala abasuka kwii-EMDC zasemaphandleni, abahlala kumgama ongaphezu kwe-120 yeekhilomitha ukusuka kwindawo yendibano, nabafuna indawo yokuhlala nokulala mabezenzele amalungiselelo abo. Aba titshala mabangenise amabango abo phambi kokuba bahambe ngosuku lokugqibela lwekhosi.
9. Ziyacelwa iinqununu ukuba zifeksele iifom zobhaliso (isiHlomelo A) kumcebisi ngezekharityhulam we-Economics kwi-EMDC echaphazelekayo ungadlulanga owe-15 Agasti 2007. (Funda iziHlomelo A no-B.)
10. Iinqununu zingaqhagamshelana nomcebisi ngezekharityhulam we-EMDC echaphazelekayo (isiHlomelo B) ukufumana ingcaciso engaphezulu.
11. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane yecandelo lekharityhulam utitshala oyintloko yesifundo se-Economics nootitshala be-Economics.
12. This circular serves as.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:07

Isihlomelo A  (ubukhulu: 5 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 10 KB)