1. Uqeqesho lootitshala be-Computer Applications Technology (CAT) ne-Information Technology (IT) kumaBakala 10 - 12 luya kwenziwa yiCape Peninsula University of Technology (CPUT), Bellville Campus, njengomboneleli-nkonzo oqeshiweyo (outsourced service provider) liSebe leMfundo likazwelonke. Uqeqesho olo luya kubandakanya iiseshoni zokusebenzisa kanye iinkqubo zekhompyutha (applications).

2. Iiprogram zoqeqesho zephondo ze-CAT ne-IT
2.1 Olu qeqesho luvuleleke kootitshala abafundisa i-CAT ne-IT.
2.2 Iprogram yoqeqesho yesifundo ngasinye, njengoko iqulunqwe ngumboneleli-nkonzo, ithatha ithuba leentsuku ezisixhenxe ezenza iiyure ezingama-64 zizonke.
2.3 Kucelwa ufunde isiHlomelo A ukujonga amaxesha ekhosi emini nganye, uvavanyo namanqanaba oqeqesho.

3. Abathathi-nxaxheba kwikhosi ye-CAT
3.1 Kukho izinto ezilindelekileyo ekufuneka umntu abe uyazazi kwinqanaba ngalinye. (Funda isiHlomelo A ukujonga uluhlu lwezakhono eziyimfuneko nolwazi olufunekayo lweekhosi ezahlukeneyo.)
3.2 INqanaba 3 le-CAT liya kwenziwa ukususela ngeCawa, nge-23 Septemba ukuya kutsho ngoMgqibelo we-29 Septemba 2007. (AmaNqanaba 1 no-2 e-CAT enziwa ngoJuni 2006.)
3.3 Ootitshala abagqibezela amaNqanaba 2 no-3 baya kuxolelwa ekwenzeni iikhosi ezinxulumene ne-CAT ukuba babhalisela ikhosi ye-ACE eTshwane University of Technology. Kuya kufuneka benze kuphela iikhosi ezinxulumene nemfundo ukuze bafaneleke ukwenza i-Advanced Certificate in Education (ACE) kwi-CAT. Ezi khosi zibhaliswe kwiNqanaba 5 le-NQF nofumana ngazo iikhredithi eziyi-24.

4. Abathathi-nxaxheba kwikhosi ye-IT
4.1 Kukho izinto ezilindelekileyo ekufuneka umntu abe uyazazi kwinqanaba ngalinye. (Funda isiHlomelo A ukujonga uluhlu lwezakhono eziyimfuneko nolwazi olufunekayo lweekhosi ezahlukeneyo.)
4.2 INqanaba 2 le-IT liya kwenziwa ukususela ngeCawa, nge-23 Septemba ukuya kutsho ngoMgqibelo we-29 Septemba 2007. (INqanaba 1 le-IT lenziwa ngoJuni 2006.)

5. Ingcaciso efunwayo kootitshala (Funda isiHlomelo B - Ifom yobhaliso)
  • Ifani
  • Igama - onke amagama avelayo ngokwakwi-ID
  • Isazisi
  • Inombolo yePesali
  • Idilesi ye-imeyili
  • Iinombolo zoqhagamshelwano (yomsebenzi, eyasekhaya neselula)
  • Iinkcukacha zesikolo
6. Ootitshala kufuneka beze nezi zinto zilandelayo ekhosini
  • Izinto zokubhala: ipeni, nephedi yeemviwo yokuthatha iinowutsi
  • Ikopi ye-ID
  • INkcazo yeziFundo zeKharityhulam kaZwelonke
  • IziKhokelo zeeProgram zeziFundo
  • IZikhokelo zeeMvavanyo zeziFundo

La maxwebhu angakotshwa ngekhompyutha kweli ziko lewebhu http://curriculum.pgwc.gov.za/site/119/page/view/


7. Inkqubo yobhaliso
7.1 Kuya kufuneka ootitshala babhalise kubacebisi ngezekharityhulam kwi-EMDC efanelekileyo. (Funda iinkcukacha ezingasezantsi.) Le fom yobhaliso iqhotyoshelweyo, isiHlomelo B, mayizaliswe ize ifekselwe kumcebisi ngezekharityhulam ochaphazelekayo phambi kwe-31 Agasti 2007.

IgamaIsithili se-EMDCIdilesi ye-imeyiliInombolo yefeksi
Frans KersopBreede River & Overberg
South Cape & Karoo
West Coast & Winelands
fkersop@pgwc.gov.za023 342 6515
Patrick FransMetropoles North and Centralpfrans@pgwc.gov.za021 938 3183
Chantal LewisMetropoles East and Southchlewis@pgwc.gov.za021 903 2149

7.2 Le nkqubo iya kulawulwa liCandelo loPhuhliso lweKharityhulam kwaNdlunkulu.
7.3 Bonke ootitshala baya kwaziswa ngabacebisi ngezekharityhulam abakhankanywe apha ngasentla malunga nokuba ngaba izicelo zabo zobhaliso ziye zaphumelela na.
7.4 Kuphela ngootitshala abakhutshelwe ileta eqinisekisa ubhaliso lwabo abanokuya kwindawo yoqeqesho ngeCawa ye-23 Septemba 2007.

8. Iindleko ekungenwe kuzo ngootitshala
8.1 Ootitshala baya kubuyiselwa ngeendleko zohambo. Kungoko kuyimfuneko ukuba utitshala ngamnye aze nezi zinto zilandelayo kumasifundisane:
8.1.1 Inombolo yePesali yakhe
8.1.2 Iinkcukacha zobhaliso lwesithuthi asisebenzisayo ukuhamba
8.1.3 Iinkcukacha ze-akhawunti yebhanki
8.2 Ootitshala mabangenise izicelo zamabango abo kubaphathi bendawo yokuqhubela ikhosi e-CPUT.
8.3 Ootitshala abasebenzisa izithuthi zikawonke wonke (iinkonzo zebhasi noololiwe) mabaqhoboshele iirisithi ezisemthethweni kwizicelo zamabango abo. Apho ootitshala basebenzise iimini-bhasi, izicelo zamabango mazihambe kunye neerisithi ezikhutshiweyo okanye ileta esuka kwinqununu echaza ngeendleko ekungenwe kuzo. Utitshala ngamnye makafake isicelo sebango esizimeleyo esingqiniweyo (separate verified claim).
8.4 Akukho titshala uya kubuyiselwa iindleko zohambo lokuya kwindawo yoqeqesho ukuba usuka kwindawo ebechithele kuyo iholide yakhe.
8.5 Ootitshala abangayisebenzisiyo indawo yokuhlala yasehostele ekubonelelwe ngayo ABAYI kubuyiselwa ngazo naziphi na iindleko zokuhlala abangene kuzo.

9. Ootitshala abangabhalisanga, baya kuthi, ngenxa yezizathu zokuba kufuneka kwenziwe amalungiselelo, bangavunyelwa baye kuqeqesho.

10. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziwubambe umhla wokungenisa amaxwebhu oyi-31 Agasti 2007, ziqiniseke ukuba ootitshala bayazilandela ngqo iimfuno zobhaliso zize zazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane yeCandelo leKharityhulam bonke ootitshala beBakala 10 - 12 be-CAT ne-IT.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:30

Isihlomelo A  (ubukhulu: 46 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 41 KB)