1. |
Intshayelelo
Isiqinisekiso seMatriki njengangoku siphantsi kwenkqubo yoqinisekiso lomgangatho olukhokelwa yi-arhente yoqinisekiso lomgangatho, engu-Umalusi. Uqinisekiso lomgangatho weemvavanyo lubandakanya ukumodareyithwa kweenkqubo zeemviwo zephondo, ukumodareyithwa kwamaphepha kazwelonke nawephondo, ukubeka esweni ukubhalwa kweemviwo, ukubeka esweni inkqubo yokumakisha nokuhlenga-hlengisa iinkcukacha zamanqaku. Inkqubo yokusetyenziswa kweenkcukacha zamanani ukuhlenga-hlengisa amanqaku eemviwo yenziwa kwiintlanganiso zokumiselwa komgangatho (standardisation) zikazwelonke nezamaphondo zeemviwo zeMatriki, neze-ABET nezemfundo yemisebenzi yezandla (vocational education). Ingcaciso yangaphambili ngenkqubo yokumiselwa komgangatho ikwiSetyhula 0076/2002.
|
2. |
Injongo yokumiselwa komgangatho
Ukumiselwa komgangatho kwenzelwa ukuba kuqinisekiswe ukuba umgangatho kwiMatriki ugciniwe iminyaka ngeminyaka, kwizifundo nangabasemagunyeni abasingethe iimviwo. Kujoliswe ekuveliseni okokoko isiveliso somgangatho ofanayo kumaziko emfundo ephakamileyo nakubaqeshi.
|
3. |
Imigaqo ngokubanzi yokumiselwa komgangatho
|
3.1 |
Amanqaku angekalungiswa (raw marks) asondeleyo kokulindelekileyo (norm) adla ngokuyekwa enjalo.
|
3.2 |
Kungasetyenziswa zombini iindlela zohlenga-hlengiso ngokuwanyusa nokuwathoba.
|
3.3 |
Akukho luhlenga-hlengiso lungaphezu kwe-10% luya kwenziwa macala omabini nokuba kukunyuswa okanye kukuthotywa ngaphandle kwaxa kukwiimeko ezizodwa.
|
3.4 |
Akukho manqaku abaviwa aya kuhlenga-hlengiswa ayo kutsho ngaphantsi kwamanqaku afunekayo ukwenzela ukupasa kuhlelo olusezantsi (lower grade).
|
3.5 |
Uhlenga-hlengiso aluyi kuba ngaphezu kwe-50% yamanqaku omviwa, umz. kwi-10%, amanqaku anokuhlenga-hlengiswa angadluli kwi-5%.
|
3.6 |
Iikhomenti zomvi oyintloko (chief examiner) nezemodareyitha yangaphakathi zithathelwa ingqalelo xa kusenziwa uhlenga-hlengiso lwamanqaku.
|
3.7 |
Apho inani labaviwa lincinane kakhulu ukuba linganika iinkcukacha-manani ezingumzekelo (statistical model), akukho luhlenga-hlengiso lwenziwayo. Amanqaku asuka kwizifundo ezinamanani amancinane abaviwa adla ngokungahlenga-hlengiswa.
|
4. |
Inkqubo yokumiselwa komgangatho
|
4.1 |
I-Ogiving luthelekiso lwamanqaku angumyinge ophakathi (median) nolwabiwo lwamanqaku aloo nyaka esifundo nawebakala elithile nalawo eminyaka edlulileyo namanqaku omgangatho ngokubanzi (norm) enziwe ngamanqaku angekalungiswa (raw marks) eminyaka emihlanu edlulileyo. Injongo yoku kukuzama ukulinganisa amanqaku angumndilili nolwabiwo ngokuhlenga-hlengisa amanqaku angadluli kwi-10%. Kwimeko yamaphepha ephondo, akukho manqaku esikolo ngasinye ajongwayo kule nkqubo ukanti kwimeko yamaphepha esiqhelo kazwelonke, akukho ziphumo zephondo ngalinye zinikwa ingqwalaselo kule nkqubo.
|
4.2 |
(I-Pairs analysis) luthelekiso lwamanqaku angumndilili eqela labaviwa kwisifundo esithile (kwisifundo esiphambili) (anchor subject) nalawo eqela elifanayo abaviwa kwezinye izifundo. Injongo yoku kukwenza uthelekiso phakathi kwenqanaba lempumelelo yeqela labaviwa kwizifundo ezahlukeneyo kuviwo olufanayo.
|
4.3 |
Ngaphandle kwedatha yeenkcukacha-manani, iiphaneli ziye kwakhona zijonge ubunjani beengxelo ezisuka kubamakishi abaziintloko nakwiimodareyitha xa kusenziwa izigqibo ngohlenga-hlengiso lwamanqaku.
|
4.4 |
Izikolo maziqaphele ukuba amanqaku ezifundo ezinamacandelo enziwa ngezandla (practical marks) ayafakwa kwinkqubo yokumiselwa komgangatho njengoko la macandelo athathwa njengenxalenye yoviwo. Ngamanqaku e-CASS kuphela angafakwayo kwinkqubo yokumiselwa komgangatho.
|
5. |
Amanqaku e-CASS (oVavanyo oluthe Rhoqo (Continuous Assessment))
|
5.1 |
Ngokuka-Umalusi, uthelekiso phakathi kwamanqaku eemviwo naweCASS lubonisa ukuba ootitshala abaninzi abakabi nabuchule ekwabeni amanqaku eCASS. Amanqaku eCASS adla ngokuba phezulu kakhulu kunamanqaku eemviwo kwizifundo ezithile. Kwenziwa uhlenga-hlengiso kwisifundo ngasinye kwisikolo eso. Njengoko oku kusenziwa kwisifundo ngasinye, akukho nkqubo yohlenga-hlengiso ibandakanya imiyinge yokupasa kwezikolo zonke.
|
5.2 |
Le thebhile ilandelayo ibonisa uhlenga-hlengiso lweenkcukacha zamanqaku olwenziwa kwisifundo esithile esikolweni.
5.2.1 | Umndilili weCASS wesikolo ungaphezu kwe-10% kunalowo woviwo lwesikolo | I-CASS iyahlenga-hlengiswa ithotywe isiwe kwi-5% ngaphezu komndilili woviwo (exam mean) wesikolo |
5.2.2 | Umndilili weCASS wesikolo ungaphantsi kunalowo woviwo lwesikolo | I-CASS iyahlenga-hlengiswa inyuswe ukuya kutsho kwi-5% ngaphezu komndilili woviwo (exam mean) wesikolo |
5.2.3 | Umndilili weCASS uphakathi kwe-5% - 10% ngaphezulu kunomndilili woviwo | Akukho luhlenga-hlengiso lweCASS lwenziwayo |
5.2.4 | Ukungafani komgangatho wamanqaku eCASS esikolo kuncinane kakhulu xa kuthelekiswa nokungafani komgangatho wamanqaku oviwo | Amanqaku eCASS akahoywa baze bonke abaviwa bazuze u-1,25% owongezwe kumanqaku abo oviwo |
|
5.3 |
Okokugqibela, akusayi kubakho mbuyiselo eyi-5% yamanqaku okugqibela kwizifundo ezingezizo iilwimi kubaviwa abalwimi zabo zenkobe ilulwimi lwase-Afrika. Ngaphezulu ucazululo lwamanqaku luya kwenziwa ngu-Umalusi ngokumalunga noku.
|
6. |
Ukuthembeka kwenkqubo yokumiselwa komgangatho
Abafundi nootitshala bangaqinisekiswa ukuba kugcinwa imigangatho ephakamileyo yokuthembeka kwale nkqubo maxa onke. Ukuba kunokuthi kuhlenga-hlengiswa amanqaku amaphepha eemviwo ephondo, akukho sikolo sithile sikhethwayo, lo gama kungathi ukuba kuhlenga-hlengiswa amanqaku amaphepha afanayo kazwelonke, kungakhethwa phondo lithile. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lanelisekile ukuba bonke abaviwa balo baya kuphathwa ngokufanayo (fair) kule nkqubo, kwaye iSebe leMfundo limelwe ngokukwaneleyo kwiintlanganiso ezixoxa ngeziphumo ngoDisemba.
|
7. |
Kucelwa wazise le ngcaciso imfutshane bonke ootitshala esikolweni sakho ukuze bayithathele ingqalelo.
|
ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:30
|