1. Intshayelelo
1.1 Umgaqo-nkqubo kazwelonke weeMvavanyo neziQinisekiso zeZikolo kwiCandelo le-GET (iGazethi 29626 ye-12 Februwari 2007) (Gazette 29626 of 12 February 2007) (The national Policy for Assessment and Qualifications for Schools in the GET band) umisela ukuba i-CTA iya kuba nezigaba ezibini. Isigaba sokuqala (iCandelo A) ngumsebenzi osekelwe ekwenziweni kwemisebenzi eyahlukeneyo. Isigaba sesibini luvavanyo olubhalwayo (pen-and-paper test) (iCandelo B), oluya kubhalwa phantsi kweemeko ezibekwe esweni naphantsi kolawulo. Lo mgaqo-nkqubo umisela kwakhona ukuba iSebe leMfundo likazwelonke liya kulawula ukuqulunqwa kwee-CTA lize lisete ithayimthebhile kazwelonke yokubhalwa kweCandelo B le-CTA.
1.2 I-CTA ibhalwa kwikota yesi-4 yonyaka wezifundo yaye kuphela komsebenzi wovavanyo waseburhulumenteni orekhodiweyo kuloo kota. NgokweGazethi kaRhulumente, abafundi abakwizikolo zikarhulumente nezikolo ezizimeleyo ezilandela i-NCS nezifundisa iBakala 9 mabazenze zombini, i-CASS ne-CTA (iCandelo A neCandelo B). ICandelo B, lovavanyo olubhalwayo (pen-and-paper test), liya kubhalwa kwisithuba seeyure ezimbini kwiNkalo yeSifundo nganye.
1.3 Ootitshala balindeleke ukuba bamakishe iCandelo B njengenxalenye yomsebenzi wabo wokwenza iprogram yovavanyo yeBakala 9.
1.4 Ithayimthebhile eqhotyoshelweyo (isiHlomelo B) yokubhalwa kweCandelo B le-CTA ithathela ingqalelo iingxaki zendawo yokubhalela ezikolweni njengoko kukho neemviwo zeBakala 11 nele-12. Ukubhalwa kwe-CTA yeBakala 9 kucwangciselwe amaxesha angasayi kuchaphazela okanye kungqubana nezi mviwo. Le thayimthebhile iqhotyoshelweyo iphinda iqinisekise ukuba abafundi bagcinwa besesikolweni kude kuye ekupheleni konyaka, ukuze abafundi beBakala 9 bangalahlekelwa lixesha lekharityhulam ngokuyeka esikolweni phambi kokuphela konyaka wokufunda ngokusesikweni. Abafundi baya kubhalela olu vavanyo eziklasini zabo njengenxalenye yosuku lwesikolo lokufunda lwesiqhelo.
1.5 I-CTA iya kubhalwa ezikolweni ukususela nge-12 ukuya kwi-23 Novemba 2007.
1.6 Ukulungiselela iinjongo zobulungisa (equity) nokungadleli ndlala abanye (fairness), ii-CTA mazigcinwe ziyimfihlo phambi kokuba zibhalwe. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu ukuba zibavumele ootitshala ukuba bazibone ii-CTA zakuba nje zifikile, kodwa maziqinisekise ukuba ootitshala bayawuthobela umgathango wokugcinwa kwamaxwebhu eyimfihlo phambi kokuba kubhalwe (pre-conduct confidentiality of the documents).
1.7 NgokweGazethi kaRhulumente 29626 ye-12 Februwari 2007 (in terms of Government Gazette 29626 of 12 February 2007), ukupasa kwabo bonke abafundi kuxhomekeke kwiziphumo ze-CASS neze-CTA. Iimfuno zokupasa zicaciswe gca kwigazethi.
2. Ukubhalisela ii-CTA Kuya kusetyenziselwa iinombolo zobhaliso zeCEMIS ukuhambisa ii-CTA. Ukuba kukho abafundi beBakala 9 esikolweni sakho abangekabhaliswa kwiCEMIS, nceda uqinisekise ukuba babhaliswa ngoko nangoko, kungenjalo isikolo sakho asisayi kufumana iikopi ezaneleyo zee-CTA. Ngenxa yeemviwo zeBakala 11 neze-12 ezibhalwa ngaxeshanye, iSebe leMfundo leNtshona Koloni alisayi kuba nako ukuthumela iikopi ezingaphezulu ze-CTA.
2.1 Imibuzo engokubhaliswa kwabafundi ingathunyelwa kuMnu L van Gensen apha 021 467 2976 okanye kuMnu L van Harte apha 021 467 2965, okanye ithunyelwe nge-imeyili kule dilesi lvgensen@pgwc.gov.za
2.2 Imibuzo emalunga nokusiwa kwee-CTA ingathunyelwa kuMnu C Berry apha 021 467 2265 okanye apha 021 467 2954, okanye ithunyelwe nge-imeyili kule dilesi cberry@pgwc.gov.za.
3. Ukulungiswa apha naphaya kwee-CTA

Zonke ii-CTA njengangoku ziyalungiswa apha naphaya liqela lootitshala (abatyunjwe liSebe leMfundo likazwelonke) abaziingcali zokujongana nezithintelo ekufundeni. ISebe leMfundo likazwelonke liya kuziprinta lize lizithumele ezi CTA kwizikolo ezichaphazelekayo.

4. Ukusiwa kwee-CTA ezikolweni
5. Ii-CTA ziya kusiwa ezikolweni kwikota yesine.
5.1 Ziyacelwa izikolo ukuba zizivule iibhokisi zize zizitshekishe ii-CTA zakuba nje zifikile ukuqinisekisa ukuba onke amalungiselelo ayimfuneko, anjengokunikwa kwezixhobo okanye izibonelelo ezizizo, ayenziwa ukwenzela ukuqhutywa kwale nkqubo ngaphandle kwamagingxi-gingxi.
5.2 Iimephu ziya kuthunyelwa ezikolweni zakuba nje zifikile ukuvela kubashicileli. Izikolo maziqaphele ukuba iimephu ezibonelelweyo mazigcinwe ukuze zisetyenziswe kwixesha elizayo njengezibonelelo zokuncedisa ukufunda.
5.3 Ukufakwa kwedatha kwikhompyutha
6. Kulo nyaka, njengaku-2006, kwenziwa imasta CD (master CD) enayo yonke ingcaciso nemiyalelo yokufakwa kwedatha yeBakala 9, kwakunye ne-electronic MS Excel version, encedisa ekubaleni,. Abaququzeleli beemvavanyo be-EMDC baya kuqhuba iintlanganiso ngo-Agasti nangoSeptemba apho i-CD leyo iya kunikwa isikolo ngasinye kuze kwenziwe noqeqesho lokusebenzisa le CD.
6.1 I-CD okanye ikopi yememory stick, kwakunye nekopi eyincwadi yamaxwebhu okurekhoda neshedyuli, njengoko zibonelelwe kwimasta CD - mazingeniswe kumphathi wesekethe oya kusayina ishedyuli yeBakala 9 ekupheleni konyaka. Iikopi eziziincwadi neekopi ezikwiikhompyutha zale ngcaciso mazigcinwe kwii-akhayivu zesikolo.
6.2 Le nkqubo mayigqitywe kwangethuba ukulungiselela ukugqitywa kokusayinwa kweeshedyuli ngethuba lotyelelo lokuphela konyaka lomphathi wesekethe oluya kuqhubeka phambi kwe-4 Disemba 2007. Iziphumo ezinikiweyo ziya kusetyenziselwa ukungenisa idatha yokupasa kwabafundi kwiSebe leMfundo likazwelonke.
6.3 Iinqununu zifanele ukuqaphela ukuba amaxwebhu edatha e-Excel akathathi ndawo yeshedyuli yabapasileyo (promotion schedule), ekufuneka izaliswe ngokubhalwa ngesandla okanye ngekhompyutha yandule ukungeniswa kwikomiti yemiba-ngemiba yezemfundo (multi-functional team) ye-EMDC ngendlela eqhelekileyo.
6.4 Apha kule ngcaciso emfutshane kuqhotyoshelwe amagama neenkcukacha zoqhagamshelwano zabaququzeleli beemvavanyo nabasebenzi becandelo leemviwo bakwaNdlunkulu (isiHlomelo A) abanokucelwa ukuba bancede banike inkxaso.
6.5 Ii-EMDC ziya kulawula inkqubo yokumodareyithwa kweeshedyuli zazo ngemihla epapashiweyo. Zonke ii-CTA ezigqityweyo zaze zavavanywa phambi kwemihla esikiweyo yokumodareyitha zifanele ukusiwa kwizikolo ezisebenzisanayo ukuze zimodareyithwe (moderation clusters).
7. Ziyacelwa izikolo ukuba zikhomente nge-CTA. Iikhomenti ezisekelwe kwimibuzo eqhotyoshelwe kule ngcaciso emfutshane (kwisiHlomelo C) zingathunyelwa nge-imeyili kule dilesi ye-imeyili hevanzyl@pgwc.gov.za okanye zifekselwe kuNksk H van Zyl kule nombolo 021 467 2258.
8. Ziyacelwa izikolo ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane yophuhliso lwekharityhulam bonke abachaphazelekayo ukuze ootitshala, abafundi nabazali bazi ngee-CTA ezibhalwa ngekota yesine.
9. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga nale miba ilapha ngasentla.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:12

National Policy on Assessment and Qualifications for Schools in the GET Band (Gazette 29626 of 12 February 2007)
(size: 5,78 MB)
Isihlomelo A  (ubukhulu: 6 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 6 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 11 KB)