1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lichonge izikolo ezithile ukuba zibe zizikolo ekugxilwe kuzo, nekuyiprojekthi enjongo ikukubonelela ngendlela yokufikelela kwimpumelelo esemagqabini kwiinkalo ngeenkalo zezemfundo.
2. Izikolo maziqinisekise ngendlela yokufikelela kwimpumelelo esemagqabi ngokuthi zinonophele yaye zikhulise ngamandla nangokubanzi abafundi abaneetalente, abazele ngumdla okanye ngumxhino. Izikolo ekugxilwe kuzo ziya kusebenza njengoovulindlela (pathfinders) namaziko aphambili kwiinkalo zezemfundo zawo. Ukongeza, izikolo ekugxilwe kuzo mazinike abantu abatsha iingcinga ezizizo (attitude), izakhono zezentlalo nezengqondo ukulungiselela ukwakhiwa kwesizwe nophuhliso lwezoqoqosho.
3. Iinjongo ezitsolileyo zale projekthi zezi zilandelayo:
  • Kukwandisa indlela yokufikelela nokuthatha inxaxheba kwabafundi, ngokukodwa abafundi abahlwempuzekileyo, kwicandelo leMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training) (FET) band))
  • Kukwandisa inani labafundi be-FET abakulungeleyo ukungena kumaziko emfundo ephakamileyo
  • Kukuphuhlisa abantu ngokubaxhobisa ngezakhono ezifunekayo kwimalike yezemisebenzi
  • Kukuphuhliswa kolutsha olungumzekelo omhle nonokukotshwa
4. Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lwezikolo, kwaye kucelwa izikolo ziqhagamshelane noMnu Eldrid Petersen ngale dilesi ye-imeyili elpeters@pgwc.gov.za okanye noWayne Lawrence ngale dilesi ye-imeyili walawren@pgwc.gov.za. Ingcaciso engaphezulu ingafumaneka kweli ziko lewebhu: http://curriculum.pgwc.gov.za.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:07

Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lwezikolo  (ubukhulu: 12 KB)