1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linovuyo lokwazi ukunika uMlawuli we-EMDC nganye iziphumo ezifunyenwe zizikolo ezikwi-EMDC leyo zephepha ngalinye kweli phondo.
2. Le ngcaciso inikiweyo iyimfihlo yaye ifanele ukunikwa abacebisi ngezekharityhulam ngokwesifundo sabo ngasinye. Kunikwe iinkcukacha-manani ezibonisa i-avareji yephondo kumbuzo ngamnye, kwakunye ne-avareji yephondo yephepha lilonke.
3. Abacebisi ngezekharityhulam mabafunde iinkcukacha-manani, ezibandakanya indlela eqhube ngayo i-EMDC iphela kwiphepha elo oku kuthelekiswa nendlela eliqhube ngayo iphondo, kwakunye nendlela eziqhube ngayo zonke izikolo ezikwi-EMDC ezazibhale iphepha elo lithile.
4. Le datha, kwakunye neenkcukacha-manani ezinikwe ii-EMDC, kunye nedatha ethelekisa amanqaku e-CASS namanqaku oviwo kwisifundo ngasinye, mayisetyenziselwe ukucwangcisa iindlela ezithile zongenelelo ngoncedo ukwenzela ukuphucula ukufundiswa kwesifundo ngasinye ezikolweni.
5. Siyathemba ukuba ukunikwa kwezi nkcukacha-manani kuya kunceda ii-EMDC ekuqinisekiseni ukuba zonke izikolo ziyayiphucula indlela eziqhuba ngayo kwiimviwo zeMatriki.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:01:11


"Amaxwebhu ekuthiwe aqhotyoshelwe kule ngcaciso emfutshane akaqhotyoshelwanga kule imeyili, kodwa ayafumaneka engamaxwebhu angamaphepha kwaye aza kuposwa kungekudala.
Umzekelo wohlobo lweenkcukacha-manani okhankanywe kule ngcaciso emfutshane uqhotyoshelwe njengefayili eyi-PDF."
Question Analysis - November 2006  (ubukhulu: 66 KB)