1. Imigaqo-nkqubo emalunga nokubhalwa koviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) ngabafundi abanezithintelo ekufundeni ikhokelwa yiNgxelo kaRhulumente eCacisa uMgaqo-nkubo 6 ongeMfundo eneeMfuno eziZodwa: Kwakhiwa iNkqubo yeMfundo noQeqesho eBandakanya Bonke aBafundi (White Paper 6 on Special Needs Education: Building an Inclusive Education and Training System (2001). Le Ngxelo kaRhulumente eCacisa uMgaqo-nkubo 6 (White Paper 6) icacisa ukuba "Iinkqubo zovavanyo ziya kulungisa izithintelo ekufundeni kwaye nemigaqo-nkqubo ekhoyo ngoku kunye neendlela zokwenza izinto ziya kuhlalelwa kwakhona zijongisiswe zize zihlaziywe ukuqinisekisa ukuba iimfuno zabo bonke abafundi zithathelwa ingqalelo zize zilungisiwe".
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) belisoloko kwiminyaka emininzi litshintsha apha naphaya amaphepha abafundi abangaboni kakuhle (visually impaired learners). Kutshanje, eli Sebe iWCED libambe iingxoxo nezikolo ezibini zemfundo eneemfuno ezizodwa ezikwiphondo ezinabafundi abangaboni kakuhle. Ezi ngxoxo zenze ukuba iSebe iWCED lifumane ulwazi olunzulu ngeemfuno zabafundi abangaboni kakuhle ngokumalunga namaphepha emibuzo yeemviwo.
3. ISebe iWCED liya kubonelela ngolu tshintsho lulandelayo kubafundi abangaboniyo nakwabo banorhatyazo.
3.1 Abafundi abangaboniyo baya kufumana amaphepha emibuzo eguqululelwe kwiBreyili (Braille). Ukuba kukho nayiphi na imizobo, imifanekiso okanye iifoto kumbuzo, loo mbuzo uya kutshintshwa ngokuthi kufakwe ofanelekileyo endaweni yawo.
3.2 Abafundi abanorhatyazo baya kufumana iphepha lombuzo apho isayizi yefonti iya kwandiswa ibe ngu-Arial 16 kwiphepha elingu-A4 ize nemizobo yandiswe ifakwe kwisihlomelo. Idayagram eyisayizi yentsusa (original size diagram) isaza kuvela kwiphepha lemibuzo ukunceda umfundi. KwiiMviwo zeMatriki zika-2007 kuya kusetyenziswa iphepha elinombala kwiphepha lemibuzo liphela ukunceda abafundi abanorhatyazo.
3.3 Kwimeko apho abafundi abangaboniyo okanye abanorhatyazo bangenako ukubhala iimviwo ngenxa yokunye ukukhubazeko okungaphezulu, iSebe iWCED liya kubonelela ngengcali yokubhalela umntu (amanuensis) eya kufunda iphepha lemibuzo ize ibhalele umfundi lowo.
3.4 Kuya kubonelelwa ngeetheyiphu ezimanyelwayo abo bafundi bangaboniyo nabanorhatyazo abasenokufuna uncedo olungaphezulu.
4. Makulandelwe le nkqubo ilandelayo xa kusenziwa isicelo sokutshintshwa kwamaphepha emibuzo ukulungiselela abafundi abangaboniyo okanye abanorhatyazo:
4.1 Izikolo mazisebenze ifom yeenkcukacha-manani (statistics form- Addendum A) eqhotyoshelwe apha ukwenza isicelo sephepha lemibuzo elithile elitshintshwe apha naphaya leemviwo zeBakala 11 okanye 12 nokulungiselela i-CTA kwiBakala 9.
4.2 Ikhowudi yesifundo nenkcazo yesifundo ekufuneka zibhalwe kwifom zifumaneka kwiifom zobhaliso ezikwiCEMIS.
4.3 Inani lilonke labafundi abatshintshelwe amaphepha abo kwisifundo ngasinye kufuneka liboniswe kwiikholam zabafundi abasisigxina okanye zabafundi abangesosigxina (full-time or part-time columns). Makubhalwe kwakhona iinkcukacha zodidi ngalunye lwenkxaso eyongezelelweyo efunekayo.
4.4 Ukuba kufuneka ingcali yokubhalela umntu (amanuensis) okanye itheyiphu emanyelwayo, makungazaliswa iikholam zombhalo omkhulu/zeBreyile, njengoko ingcaciso eyimfuneko seyiceliwe kwiikholam kwezi ndidi zimbini zongezelelweyo zenkxaso.
4.5 Makuzaliswe ifom yeenkcukacha-manani (statistics form) ize ibuyiselwe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo ukuba iqwalaselwa nguMnu B. Calvert phambi kowe-31 Julayi 2007. ICandelo loLawulo lweeMviwo liya kuziqwalasela ezi fom lize lizidlulisela kwiKomiti yokuNyenyisa imiQathango (Concessions Committee) ukuze inike imvume yokugqibela.
5. Izikolo ziya kufumana isaziso ngesigqibo seKomiti yokuNyenyisa imiQathango kwaye ukuba kuvunyiwe, ziya kufumana izinto eziyimfuneko zokufunda ezincedisayo phambi kokuba kuqale iimviwo. Amalungiselelo okhuseleko esiqhelo malunga neemviwo aya kusebenza kwakhona kwizinto zokufunda zokunika inkxaso ekufuneka zigcinwe kwigumbi elinqatyisiweyo lesikolo.
6. Kucelwa wazise le ngcaciso bonke ootitshala abachaphazelekayo esikolweni sakho.


ISAYINWE: NGU-M.J. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:17

Education White Paper 6  (ubukhulu: 319 KB)
Statistics form  (ubukhulu: 12 KB)