1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lizibophelele kwimfundo esemgangathweni yabo bonke abafundi. Ootitshala, abazali nabalondolozi babantwana xa bebonke badlala indima ebalulekileyo ekunikeni inkxaso ukuze abafundi bafikelele kule njongo.
2. Umsebenzi wesikolo wasekhaya uyinxalenye yokufundisa nokufunda, kwaye, ukuxhasa oku, iSebe iWCED lapapasha olu xwebhu Homework Guidelines ngo-Agasti 2005.
3. Umsebenzi wesikolo wasekhaya ufuna ukucwangciswa ngenyameko nenkxaso evela kwiinqununu, kootitshala, kubazali nakubafundi. Ukulawulwa ngempumelelo komsebenzi wesikolo wasekhaya, okuhamba kunye nokucwangcisa ngenyameko, ingcebiso nolawulo ngabo bonke abathatha inxaxheba, kuya kuqinisekisa ukuba oku akubi ngumthwalo onzima.
4. ISebe iWCED livelise iphamflethi enika abazali isikhokelo malunga nokuba bangabanika njani na abantwana babo inkxaso kumsebenzi wesikolo wasekhaya.
5. Izikolo ezikumanqanaba entlupheko 1-4 (Quintiles 1-4) ezifundisa amaBakala 1-3 ziya kunikwa ezi phamflethi zibhalwe ngesi-Afrikansi, ngesiNgesi nangesiXhosa. Ziyacelwa iinqununu ukuba zizinike abazali ezi phamflethi.
6. Iikomiti zolawulo lwesikolo namabhunga olawulo ezikolo kufuneka asebenzise eli thuba ekuqhubeni iingxoxo nabazali malunga nokubaluleka kokunika inkxaso abantwana babo kumsebenzi wesikolo wasekhaya.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:18

UMSEBENZI WESIKOLO OWENZELWA EKHAYA: Ungenza ntoni ukuncedisa kumsebenzi wesikolo owenzelwa ekhaya
(ubukhulu: 221 KB)