1. Ukhetho nosetyenziso lwezibonelelo ezincedisa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material) (LTSM), olubandakanya iincwadi zezifund (textbooks) izinto eziprintiweyo, izinto ezingaprintwayo (non-print material) nezinto ezizstyenziswa ngekhompyutha, yinto ebalulekile kakhulu kuphuhliso nakulawulo lwekharityhulam kutitshala. Kukwabaluleke kakhulu kwakhona ukuba abafundi babe nako ukufikelela kwi-LTSM eyaneleyo nefanelekileyo ukuze kube nokufundwa ngempumelelo.
2. Kweli xesha lokutshintsha kwekharityhulam ngokukhawuleza, ukhetho oluchanekileyo lwe-LTSM lungumngeni kakhulu. Ukuze ootitshala bakwazi ukwenza izigqibo ezizizo benolwazi malunga ne-LTSM, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liye lalungisa ifayili eneencwadana ezi-5. Ezi ncwadana ziya kunceda ootitshala ekwenzeni olo khetho.
3. Incwadana nganye isingethe isihloko esithile esimalunga nokhetho nosetyenziso lwe-LTSM:
  • Umqulu 1: UKhetho lweziBonelelo: IziKhokelo ngokuBanzi
  • Umqulu 2: Uchongo: Isigaba seSiseko iziKhokelo Zeenkalo zeZiFundo Amabanga 4-9
  • Umqulu 3: UkuFotokopa neziKhokelo zokuKhuselwa kweLungelo lokuShicilela
  • Umqulu 4: IziBonelelo eziCetyiswayo zokuNcedisa ukuFunda nokuFundisa zamaBakala R-9
  • Umqulu 5: UkuKhethwa kweziBonelelo eziSebenzisa iKhompyutha zeGumbi lokuFundisa
  • 4. Isikolo ngasinye siya kunikwa iikopi ezi-3 zefayili: Enye ibe yeyenqununu, enye ibe yeyamalungu eKomiti yoLawulo lweSikolo (School Management Team) enoxanduva lokuthengwa kweencwadi zokufunda (textbooks) nezinto zokufunda, nenye eyenzelwe usetyenziso ngokubanzi lootitshala.
    5. Umqulu 2: Uchongo: Isigaba seSiseko iziKhokelo Zeenkalo zeZiFundo Amabanga 4 - 9, kwakhona unika isikhokelo sikamasifundisane wophuhliso lwezakhono zootitshala oya kunceda ekuphuhlisweni kolwazi nezakhono eziyimfuneko ukulungiselela ukhetho olufanelekileyo lwe-LTSM.
    6. Umqulu 1 nowesi-5 (Volume 1 & 5) uguqulelwa esiXhoseni njengangoku yaye uya kuthunyelwa ezikolweni ezichaphazelekayo kungekudala.
    7. Siyathenjwa ukuba le fayili nokuqulethileyo kuya kuba luncedo kwiinqununu, kootitshala kuze, ekugqibeleni, kube luncedo nakubafundi.


    ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
    INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
    UMHLA: 2007:07:18