1. IsiPhumo soKufunda 3 seeSayensi zoLawulo noQoqosho (Learning Outcome 3 of Economic and Management Sciences) sijolise ngamandla kulwazi nakwizakhono ze-Akhawuntingi, ezibaluleke gqitha kubafundi abanqwenela ukufunda i-Akhawuntingi kwicandelo le-FET.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liqulunqe ezi zibonelelo zokufunda Accounting: Preparation for Grade 10, neencwadi zomsebenzi zabafundi ukulungiselela isiPhumo soKufunda 3 seeSayensi zoLawulo noQoqosho.
3. Ezi zibonelelo zokufunda zalingwa kwizikolo ekugxilwe kuzo zoShishino, uRhwebo noLawulo ngo-2006, nakootitshala beBakala 8 nele-9 beeSayensi zoLawulo noQoqosho (Business, Commerce and Management focus schools) ngoJanuwari 2007. Ingxelo eyayisuka kootitshala nabafundi yayintle kakhulu kwaye ikhuthaza.
4. Ezi zibonelelo zokufunda zingasetyenziswa ngezi ndlela zilandelayo:
4.1 Njengesibonelelo sokufundisa, ukufunda novavanyo lwesiPhumo soKufunda kwiiSayensi zoLawulo noQoqosho kumaBakala 8 nele-9.
4.2 Njengeprogram yokuwelela kwibakala elilandelayo (bridging programme) ekupheleni kweBakala 9, emva kokugqitywa kokubhalwa kwee-CTA, kulungiselelwa iBakala 10 abafundi abenza i-Akhawuntingi kwiBakala 10 kunyaka olandelayo wezifundo.
5. Le ncwadana yokufunda nencwadi yomsebenzi ziyafumaneka kweli ziko lewebhu le-WCED, http://curriculum.pgwc.gov.za.
6. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linethemba lokuba ezi zibonelelo zokufunda ziya komeleza iiSayensi zoLawulo noQoqosho kwiBakala 9.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo.
8. Imibuzo ingabhekiswa kubacebisi ngezekharityhulam beeSayensi zoLawulo noQoqosho nabe-Akhawuntingi abakwi-EMDC echaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:12