1. Abafundi bafanele ukuncediswa kukhetho lwabo lwezifundo zeMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training (FET)) oko kusenziwa ngezifundo zokucebisa ngamakhondo omsebenzi (career guidance). Isifundo ngamakhondo omsebenzi esifundiswayo sifanele ukungqinelana nobudala beminyaka yabafundi kwaye sinxibelelane neenkqubo zezifundo ngamakhondo omsebenzi eseziqalisiwe ezikolweni.
2. ULwazi ngezoBomi, yenye yeenkalo zezifundo ezisibhozo kwicandelo leMfundo noQeqesho ngokuBanzi (General Education and Training Band (GET), nesifundo esingundoqo (fundamental subject) esifundiswa kwicandelo le-FET, sigxile ngokukodwa
  • ekunikeni uLwazi ngeLizwe leNgqesho (Orientation to the World of Work) (GET)
  • kwezamaKhondo noKhetho lwaMakhondo omSebenzi (Careers and Career Choices) (FET)

Ezi nkalo kujoliswe kuzo ziqinisekisa ukuba abafundi baya kuba nako ukubonisa ulwazi, izakhono neemfundiso ezisisiseko (values) eziqulethwe kwezi ziphumo zokufunda.

3. Bonke ootitshala bafanele ukuqeqeshwa ukuze bazithembe babe nobuchule kwizifundo zamakhondo omsebenzi abazifundisa abafundi.
4. Kufuneka izikolo kwakhona zixhaswe ngokusiwa kwabafundi beBakala 7 kwizikolo ezibafaneleyo ekugxilwe kuzo (focus schools), ukwenzela ukuba imo abayiyo abafundi besikolo ekugxilwe kuso ibonise umoya olawulayo (ethos) weso sikolo sithile kugxilwe kuso.
5. Iikhosi zoqeqesho kwiprogram yePACE World of Work ziya kwenzelwa
5.1 ootitshala beBakala 7 boLwazi ngezoBomi kwizikolo ezikhuphela abafundi kwezinye izikolo (feeder schools) kunye
5.2 nootitshala beBakala 9 boLwazi ngezoBomi abangazange bafumane qeqesho kule program ngaphambili.
6. Kuya kwenziwa kwakhona ikhosi yoqeqesho kwiprogram yePACE Advise and Refer kootitshala boLwazi ngezoBom bamaBakala 10 nele-11 ababengazange bafumane qeqesho kule program ngaphambili.
7. Kucelwa utitshala OMNYE kwisikolo ngasinye ukuba aye kuyo nganye yezi seshoni zoqeqesho.
8. Iiseshoni zoqeqesho ziya kulungiselelwa ngolu hlobo lulandelayo:
1 Septemba 2007: Ootitshala beBakala 7 boLwazi ngezoBomi
15 Septemba 2007: Ootitshala beBakala 9 boLwazi ngezoBomi
5-7 Disemba 2007: Ootitshala beBakala 10 nele-11 boLwazi ngezoBomi
9. Indawo yazo zonke iiseshoni zoqeqesho iya kuba kwiCentre for E-Innovation (C-EI), apha Cape Teaching Institute, Nooiensfontein Road, Kuils River. Ikhosi iya kuqala ngo-8:30 ize iphele nge-16:00.
10. Ootitshala abasuka kwii-EMDC ezisemaphandleni baya kubuyiselwa ngeendleko zohambo. Ootitshala abanenjongo yokwenza amabango ngezi ndleko mababe nale ngcaciso ilandelayo beze nayo kwindawo eqhubekela kuyo ikhosi:
  • Inombolo yePesali
  • Ubukhulu benjini yesithuthi nonyaka wokwenziwa kwaso
  • Umgama ngeekhilomitha wokusuka esikolweni ukuya kwindawo ekuyo ikhosi
11. Ootitshala abasuka kwii-EMDC ezisemaphandleni abafuna indawo yokuhlala mabazenzele amalungiselelo abo. Aba titshala mabangenise amabango abo phambi kokuba bahambe ngosuku lokugqibela lwekhosi.
12. Ziyacelwa iinqununu ukuba zibuyisele ifom yobhaliso ezalisiweyo, isiHlomelo A, kuMcwangcisi weKharityhulam woLwazi ngezoBomi, uNksk DJ Christiaans, kule feksi 021 467 2258, phambi kowe-31 Julayi 2007. Lo mhla ubekiweyo ufanele ukulandelwa ngqo njengoko indawo ilingene inani eliqingqiweyo lootitshala.
13. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ukuya kwezi khosi zingasentla kunokuthathelwa ingqalelo xa kuzaliswa i-IQMS katitshala.
14. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala boLwazi ngezoBomi.
15. Kucelwa uqhagamshelane noNksk D Christiaans, uMcwangcisi weKharityhulam oMkhulu woLwazi ngezoBomi (kwi-FET), ngale nombolo yefoni 021 467 2589 okanye ngale dilesi ye-imeyili dchristi@pgwc.gov.za ukufumana ingcaciso engaphezulu.


ISAYINWE: NGU-M.J. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:08

isiHlomelo A (Registration form)  (ubukhulu: 9 KB)