1. NgokweNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam (Isetyhula 0015/2007), kulindeleke ukuba umfundi ngamnye ukususela kwiBakala 1 ukuya kwiBakala 12, abe nencwadi yesifundo enye kwinkalo nganye yesifundo okanye kwisifundo ngasinye ubuncinane, ukususela ku-2008. Apho oku kungenjalo, ziyacelwa izikolo ukuba zicwangcise ngokungqinelana noku.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyayiqonda into yokuba izibonelelo ezilolu hlobo zinqongophele kwezinye izikolo.
3. Ngako oko ke iSebe iWCED liyazibophelela kule projekthi INKXASO GRADES 4 - 7 PROJECT ukongeza kwiincwadi zezifundo kwizikolo zaseprayimari kumanqanaba entlupheko kazwelonke amane angawona asezantsi. Izikolo kula manqanaba entlupheko ziya kufumana kungekudala, ileta ebonisa isixa-mali esabelwe isikolo neziya kusifumana ngomfundi ngamnye weBakala 4 - 7 ukwenzela ukuthenga ezi ncwadi zezifundo. Esi sixa-mali sisabelo esongezelelweyo kwisabelo-mali sezikolo ngokwemimiselo nemigangatho yolwabiwo-mali. Esi sabelo-mali sifanele ukuba senze isikolo sibe nako uku-odola iincwadi zezifundo ezimbini ngomfundi ngamnye.
4. Kwenziwa amalungiselelo omboniso weencwadi kwi-EMDC nganye kwasekuqaleni kwikota yesithathu, ukunika iinqununu nootitshala ithuba lokuphonononga iincwadi zezifundo ezifumanekayo nokufumana inkxaso ekukhetheni iincwadi ezifanelekileyo.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqhube uphando lokujongisisa iimfuno zezibonelelo zeencwadi zazo kula mabakala yaye zijongisise iinkalo zezifundo apho izibonelelo zeencwadi zezifundo zinqongopheleyo, ukwenzela ukuba imali isetyenziswe ngokungqinelana noko.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:27