1. ISebe leMfundo likazwelonke lizibophelele ekuthatheni inxaxheba nasekuququzeleleni ukukhunjulwa kweziganeko zembali ezibalulekileyo ezikolweni ngo-2007. Ezi ziganeko zachazwa nguMongameli kwiNtetho yakhe ngowe-8 Januwari 2007.
2. Eli phulo linika uMzantsi Afrika ithuba lokubhiyoza nokuthi kwangaxesha uphonononge ngeendlela ezahlukileyo nangeziganeko eziziintlobo ngeentlobo, inkqubela-phambili esele yenziwe sithi njengesizwe ekwakheni uMzantsi Afrika ongcono nomanyene ngakumbi nokomeleza idemokhrasi yethu. Ukukhunjulwa kwemihla ebalulekileyo yesizwe neyamazwe ngamazwe kwezemfundo kungumba obalulekileyo womzabalazo ukuze le mihla ingalibaleki. Ukukhunjulwa kweziganeko ezibalulekileyo kwezembali nobomi babantu abaqaqambileyo ababenegalelo elikhulu ekubumbeni idemokhrasi yethu entsha, kwanokufundisa ngabo eziklasini zethu, yimiba ebalulekileyo kwisicwangciso sethu malunga noku.
3. Iziganeko zembali ezibalulekileyo ezikhunjulwayo zezi zilandelayo:
3.1 Isikhumbuzo seminyaka engamashumi alithoba (90) sokuzika kwe-SS Mendi nge-21 Februwari 1917
3.2 UkuPasiswa koMthetho wokuPheliswa kokuRhweba ngaMakhoboka (UMthetho waseBritane) nge-25 Matshi 1807 (Act of Abolition of the Slave Trade (British Act of Parliament))
3.3 Isikhumbuzo seminyaka engamashumi amathandathu (60) seMvumelwano yooGqirha abaThathu (Three Doctors' Pact) eyasayinwa nge-09 Matshi 1947 nguGqirha AB Xuma, nguGqirha GM Naicker noGqirha YM Dadoo, ngelo xesha ababengooMongameli be-African National Congress, i-Natal Indian Congress ne-Transvaal Indian Congress ngokulandelelanayo.
3.4 Isikhumbuzo seminyaka engamashumi amabini (20) sentlanganiso yaseDakar, eSenegal ukususela kwi-9 ukuya kwi-12 Julayi 1987, phakathi kwamalungu e-African National Congress nabathunywa abaziingqondi abadumileyo bama-Afrikaner (prominent Afrikaner intellectuals), ababhali kunye nabo bathi baqokelele izimvo zoluntu.
3.5 Ukufa kukaMongameli we-ANC uNkosi Albert Luthuli nge-21 Julayi 1967 nowazuza imbasa i-Nobel Peace Prize
3.6 Ukufa kuka-Steve Bantu Biko nge-12 Septemba 1977
3.7 Isikhumbuzo seminyaka engamashumi alithoba (90) sokuzalwa kuka-Oliver Reginald Tambo nge-27 Oktobha 1917
3.8 Isikhumbuzo seminyaka engamashumi amahlanu (50) sokuNgakhwela kweeBhasi i-Alexandra Bus Boycott
3.9 Isikhumbuzo sonyaka wesihlanu (5) wokuphehlelelwa ngokusesikweni kwe-African Union (AU) eThekwini nge-09 Julayi 2002
3.10 Isikhumbuzo sonyaka wesihlanu (5) seNgqungquthela i-World Summit on Sustainable Development, eyayibanjelwa eRhawutini, nge-2 ukuya kwi-4 Septemba 2002.
3.11 Ukufa kuka-Robert Mangaliso Sobukwe nge-27 Februwari 1978.
4. Iziganeko zikazwelonke ezibalulekileyo eziya kuququzelelwa liSebe ngethuba lezi zikhumbuzo zezi zilandelayo:
4.1 Ukhuphiswano lwabafundi abasebatsha bezeMbali, i-Nkosi Albert Luthuli Young Historians Competition oluza kubanjwa ngethuba lesikhumbuzo seminyaka engamashumi amane (40) sokufa kukaNkosi Albert Luthuli, uze umjikelo wokugqibela wolu khuphiswano ube sekupheleni kukaSeptemba 2007.
4.2 Umbhiyozo we-National Language Festival nowe-National Concert eya kuhlanganiswa neya kuqhubeka ukususela kwi-9 ukuya kwi-11 Agasti 2007 (Okubandakanywe kwiprogram, yingxoxo i-intergenerational satellite dialogue phakathi kwabafundi belizwekazi lase-Afrika.)
4.3 Abaqambi boMzantsi Afrika abaza kucelwa liSebe likazwelonke ukuba baqambe amaculo eekwayala aqaqambisa imixholo yezikhumbuzo zalo nyaka, naya kuculwa ngosuku lokugqibela lomnyhadala kazwelonke we-Schools' Choral Eisteddfod (5 Agasti 2007) e-The Dome eRhawuthini.
4.4 Ngokubambisana neemyuziyam ze-IZIKO, iSebe likazwelonke liya kongamela umboniso oya kuphengulula ngemihlaba ebanzi yembali yobukhoboka nokupheliswa kokurhweba ngamakhoboka.
4.5 ISebe leMfundo likazwelonke ngokubambisana nabathathi-nxaxheba abachaphazelekayo, liya kubamba umboniso eSol Plaatje House, 123 Schoeman Street, Pretoria, ngoSeptemba 2007, kukhunjulwa ukufa kukaSteve Bantu Biko.
5. ISebe leMfundo likazwelonke liya kuhambisa incwadana yezikolo egxile kwezi ziganeko zembali. Kuya kunikwa iinkcazo ezineenkcukacha ezininzi ezingokubaluleka kwesiganeko ngasinye, kunye neencwadi ezingafundwa ezichaphazela ezo ziganeko neengcebiso ngezinto ezingenziwa ziiklasi nezikolo. Izinto ezenziwa eklasini mazilungiswe ngohlobo lokuba zibe yinxalenye yekharityhulam, kwaye mazingabonwa njengemisebenzi eyongezelelweyo. Le ncwadana iya kuthunyelwa kuzo zonke izikolo ekupheleni kwekota yesibini.
6. Izinto eziza kwenziwa zingacwangciswa ngokwemigangatho eyahlukileyo. Umzekelo, ootitshala bangacwangcisa izinto eziza kwenziwa eklasini ezisekelwe kwikharityhulam, lo gama iikomiti zolawulo lwezikolo zinokuququzelela izinto eziza kwenziwa eziya kubandakanya isikolo siphela, kwakunye namalungu amabhunga olawulo ezikolo nabahlali abakwezo ngingqi.
7. Ziyakhuthazwa zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba ngo-2007 kwizikhumbuzo zeziganeko zembali ezibalulekileyo, lo gama kuthathelwa ingqalelo imihla yesizwe yoMzantsi Afrika nemihla ebalulekileyo yamazwe ngamazwe.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:08:15