1. KwiNgcaciso eMfutshane yeKharityhulam 104/2006, izikolo zacelwa ukuba zingenise iziphumo zazo zokuphela konyaka zeBakala 10 zango-2006. Isihlomelo (isiHlomelo A) saqhotyoshelwa kule ngcaciso emfutshane ukulungiselela le njongo.
2. I-WCED ifuna yonke idatha yeBakala 10 ukuze ikwazi ukucwangcisa ngendlela eyiyo ukwenzela ukunika inkxaso ejolise ngokukodwa kubafundi beBakala 10. Ngelishwa iqela lezikolo alizange lizingenise iziphumo zalo. Amagama ezi zikolo aya kunikwa abalawuli bee-EMDC, nabacelwa ukuba bancedise ekuqinisekiseni ukuba ziyangeniswa ezi ziphumo.
3. Ziyacelwa iinqununu ukuba zifunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo leKharityhulam 104/2006 ngokubhekiselele kwisiHlomelo A. Kufuneka zincede ziqinisekise ukuba igama lesikolo ne-EMDC echaphazelekayo zibhaliwe kuwo onke amaxwebhu angeniswayo. Amaxwebhu makathunyelwe ngefeksi apha 021 467 2258 AZE a-imeyilelwe kulo hevanzyl@pgwc.gov.za, kwakhona aphinde athunyelwe ngefeksi nange-imeyili kumlawuli we-EMDC.
4. Intsebenziswano yakho malunga noku iya kuyinceda i-WCED ekwenzeni umahluko kubomi babafundi nobootitshala beBakala 10.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:01:11