1. ISetyhula 0028/2007 yabeka umhla we-31 Julayi 2007 njengomhla wokungeniswa kwemigaqo-nkqubo yeelwimi yezikolo nezicwangciso zokuphunyezwa kwayo kumphathi wesekethe wakho.
1.1 Ngenxa yogwayimbo oluqhubekayo, kucelwa niqaphele ukuba lo mhla uhlehlisiselwe kumhla we-10 Septemba 2007.
1.2 Umhla oya kufumana ngawo ingxelo ngokuqhubekayo kwi-EMDC yakho uhlehlisiselwe kumhla we-01 Oktobha 2007.
2. Kufuneka izikolo ziqinisekiswe ukuba iSebe iWCED iya kuzinika inkxaso ngeli thuba.
2.1 Umphathi wesekethe yakho uya kuthi, kwakwenziwa isicelo soko, akunike imizekelo yemigaqo-nkqubo yeelwimi yezikolo nezicwangciso zokuphunyezwa kwayo kwasekuqaleni kwikota yesithathu.
2.2 Amaxwebhu asemthethweni akhankanywe kwiSetyhula 0028/2007 aqhotyoshelwe apha kwaye ayafumaneka nakwiziko lewebhu leeLwimi zeGET apha http://curriculum.pgwc.gov.za.
3. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise esi saziso bonke abachaphazelekayo ukuze basithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:25

Language-in-Education Policy of 1997  (ubukhulu: 14 KB)
National Education Policy Act, (Act 27 of 1996)  (ubukhulu: 54 KB)
Section 6(1) of the South African Schools Act of 1996  (ubukhulu: 86 KB)
Sections 6 and 9 of the Constitution of the Republic of South Africa (Act 108 of 1996)  (ubukhulu: 58 KB)
The Pan South African Language Board Act (Act 59 of 1995)  (ubukhulu: 7 KB)
Section 5 of the Constitution of the Western Cape (Act 1 of 1998)  (ubukhulu: 5 KB)
The Western Cape Languages Act (Act 13 of 1998)  (ubukhulu: 19 KB)
The Western Cape Language Policy (2005)  (ubukhulu: 14 KB)
The Western Cape Provincial School Education Act (Act 12 of 1997).  (ubukhulu: 63 KB)