1. Incwadana yemigaqo yelebhu (laboratory manual) yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) iza kuthunyelwa kuzo zonke izikolo. Mayigcinwe kwilebhu ye-Physical Sciences (okanye yee-Natural Sciences), ngalo lonke ixesha, kwindawo ekulula ukuyibona nokuyithatha.
2. Injongo yale ncwadana yemigaqo kukunceda izikolo ukuba zifikelele kwinjongo yeWCED yokhuseleko kwisayensi yesikolo ngokubonelela ngengcaciso malunga neekhemikhali emazigcinwe kwindawo ekhuselekileyo zingaphathwa nguye wonke umntu (restricted chemicals) ezichazwa kwi-WCED Policy and Protocol on Safety in School Science. Le ncwadana yemigaqo kufuneka ke ngoko ithathwe njengenxalenye yeWCED Policy and Protocol on Safety in School Science, esele ithunyelwe ezikolweni. (Funda iSetyhula 0022/2004)
3. Le ncwadana yemigaqo yipropathi yeWCED kwaye mayingasuswa elebhu okanye kumasango esikolo.
4. Ezinye iikopi zale ncwadana yemigaqo zingathengwa kwa-EduMedia. Iinkcukacha zoqhagamshelwano zezi zilandelayo:
Ifoni:  021 689 9536
Inombolo yefeksi: 021 685 7421
Idilesi ye-imeyili: edumedia@pgwc.gov.za
Idilesi yesitrato: 3 Station Road. Mowbray, 7705
5. Ukuba unayo nayiphi na eminye imibuzo malunga nale ncwadana yemigaqo, nceda uqhagamshelane noMnu Don Francis kwenye yezi zilandelayo:
Ifoni: 021 467 2581
Inombolo yefeksi: 021 467 2258
Idilesi ye-imeyili: dfrancis@pgwc.gov.za 
6. ISebe iWCED linethemba lokuba le ncwadana yemigaqo yelebhu iya kunceda ekuqinisekiseni ukuba imiqathango yokhuseleko ithathelwa ingqalelo kwiilebhu zesayensi ngawo onke amaxesha.


ISAYINWE: NGU-M.J. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:18