1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lizimisele ekuqinisekiseni ukuba bonke abafundi bafundiswa izifundo zengcebiso ngamakhondo emisebenzi ngempumelelo ukwenzela ukuba bakwazi ukukhetha ngokufanelekileyo izifundo zeBakala 10 namakhondo omsebenzi afanelekileyo emva kweBakala 12. Ngako oko ke kufanele bonke abafundi banikwe iintlobo ngeentlobo zengcaciso yakutshanje engamakhondo omsebenzi anokukhethwa nezinto eziqhubekayo eMzantsi Afrika.
2. I-PACE World of Work 2007 CD ROM iya kuthunyelwa kuzo zonke izikolo eziphakamileyo eNtshona Koloni ngekota yesibini ka-2007. Le yinguqulelo ehlaziyiweyo ye-PACE World of Work CD ROM yangaphambili kwaye inengcaciso yakutshanje ngezoqoqosho eMzantsi Afrika, amathuba okufunda nawemisebenzi kunye neebhasari.
3. Kufuneka ootitshala beZifundo zoLwazi ngezoBomi baqinisekise ukuba bonke abafundi bezikolo eziphakamileyo bayaxelelwa ngengcaciso ekule CD.
4. Ukuba kukho ootitshala beZifundo zoLwazi ngezoBomi, okanye abanye ootitshala abafuna uqeqesho olungaphezulu ekusetyenzisweni kwale CD, okanye ingcaciso ngokubanzi kunye nenkxaso malunga nezifundo zengcebiso ngamakhondo emisebenzi, mabancede baqhagamshelane noMcwangcisi wezeKharityhulam oyiNtloko weZifundo zoLwazi ngezoBomi, uNksk D. Christiaans, kule nombolo yefoni 021 467 2589, okanye kule dilesi ye-imeyili dchristi@pgwc.gov.za.
5. Kucelwa wazise le ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beZifundo zoLwazi ngezoBomi.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:15