1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lizimisele ekuqinisekiseni ukuba bonke abafundi bafumana yonke ingcaciso ekhoyo ngamakhondo omsebenzi namakhondo abanokuwakhetha.
2. Kwesi sikhokelo Subject Assessment Guidelines (SAG) sikaJanuwari 2007, bayakhuthazwa ngamandla ootitshala beZifundo zoLwazi ngezoBomi ukuba bavumele abafundi benze iiKhosi zeZakhono eziKhutshelwa iZatifikethi (Certificate Tasks), ukuba iimeko ziyabavumela, eziya kwenza igalelo ngqo kumvuzo onokufunyanwa ngumfundi nakwizakhono zakhe zokufunda .
3. Ilayisensi yokufunda ukuqhuba (learner driver's licence) iya isiba yenye yezona zinto zifunwa phambili ukuze uqeshwe yaye oku kungaba yinto enexabiso kwiSivi (Curriculum Vitae) yomfundi.
4. UMnu Johan Schronen uqalise apha eNtshona Koloni iphulo lokwenza oomasifundisane belayisensi yokufunda ukuqhuba (learner driver's licence workshops) ingakumbi kwizikolo ebezisoloko zihlelelekile ngaphambili.
5. Ziyacelwa izikolo ukuba ziqhagamshelane noMnu Schronen apha: 082 299 0689 okanye ngale dilesi ye-imeyili: schronen@trafficsigns.co.za ukuze zifumane ingcaciso engaphezulu. Iyafumaneka enye ingcaciso nakweli ziko lewebhu: http://www.k53test.co.za.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise le ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beZifundo zoLwazi ngezoBomi.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:14