1. Uxwebhu lwekhontenti yee-Physical Sciences, lukaJuni 2006, lwaveliswa ngenjongo yokuqinisekisa ukuqondwa ngokufanayo kwekhontenti yesi sifundo. Isikolo ngasinye siya kufumana ikopi enye, ukuze sakuba siyifumene, utitshala ngamnye ofundisa iPhysical Science naye afumane eyakhe ikopi. Le kopi mayihlale ikwifayili yee-Physical Sciences.
2. Injongo yolu xwebhu kukucacisa ngakumbi ubunzulu bekhontenti kwiPhysical Sciences National Curriculum Statement. Lunekhontenti eyona iyingxam ekuya kugxininiswa kuyo kwiimviwo zePhysical Sciences zamaBakala 10 - 12, de kube ngunyaka ka-2010.
3. Olu xwebhu luguqulelwa kwisi-Afrikansi njengangoku kwaye luya kuthunyelwa kwizikolo ezifundisa ngesi-Afrikansi ngethuba lekota yesithathu.
4. Ezinye iikopi zolu xwebhu lwekhontenti zingathengwa kwa-Edumedia. Nazi iinkcukacha zoqhagamshelwano:
Ifoni:             021 689 9536
Inombolo yeFeksi:  021 685 7421
Idilesi ye-imeyil: edumedia@pgwc.gov.za
Idilesi yestrato:  3 Station Road, Mowbray, 7705
5. Ikopi yolu xwebhu lwekhontenti ingakotshwa ngekhompyutha kweli ziko lewebhu lilandelayo:
http://curriculum.pgwc.gov.za/site/52/news/view/1310
6. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo ngokumalunga nolu xwebhu lwekhontenti, kucelwa uqhagamshelane noMnu Don Francis ngokusebenzisa nayiphi na kwezi zilandelayo:
Ifoni:              021 467 2581
Inombolo yeFeksi:   021 467 2258
Idilesi ye-imeyili: dfrancis@pgwc.gov.za
7. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyathemba ukuba olu xwebhu lwekhontenti luya kunceda ootitshala nabafundi balo ukuba bafumane eyona mpumelelo inkulu kwaye bazipase kakuhle kakhulu iiPhysical Sciences.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:26

National Curriculum Statement Grades 10 - 12 (General): Physical Sciences Content  (ubukhulu: 487 KB)