1. Isifundo soLwazi ngezoBomi, sisifundo esingundoqo kwicandelo leFET ekufuneka ukuba bonke abafundi abakumaBakala 10 -12 basifunde, sigxininisa iinkalo ezine, ekuzezi, UkuPhila Qete koMntu (Personal Well-being), IMfundo ngezoBumi (Citizenship Education), EzokuChitha isiThukuthezi kunye nokuThamba (Recreation and Physical Activity), AmaKhondo eMisebenzi nokuKhetha amaKhondo omSebenzi (Career and Career Choices).
2. Kuya kuqhutywa ikhosi entsuku-ntathu yoqeqesho noqeqesho kwakhona (training and retraining) kule nkalo igxininiswayo eyi-Personal Well-being neya kwenziwa nge-25, 26 ne-27 Septemba 2007 kwii-EMDC ezahlukeneyo. Le khosi iya kuqala kanye ngqo ngo-8:30 kusasa ize iphele ngo-16:00 emva kwemini ngazo zontathu iintsuku zoqeqesho.
3. Le khosi ye-Personal Well-being, ebizwa ngokuba yi-Today's Choices, neyaqhutywa ngo-2005 nango-2006, iye yahlaziywa ngokutsha kumaBakala 10 no-11 kwaza kwafakwa nezinto zokufunda zeBakala 12. Iya kuqhutywa ngokuthi ilungiselele ezi ndlela zimbini, ukusetyenziswa kwamaxwebhu ne-CD-ROM kwaye zonke izikolo ziya kunikwa ikopi yekhompyutha, incwadi katitshala nencwadi yabafundi.
4. Ootitshala ababini beBakala 10 - 12 besifundo soLwazi ngezoBomi kwisikolo ngasinye mabaye kolu qeqesho, kungakhathaliseki nokuba babekhe baya ngaphambili.
5. Ootitshala abasuka emaphandleni (rural teachers) baya kubuyiselwa ngeendleko zohambo yaye abo baza kwenza izicelo zamabango ngenxa yezi ndleko mabeze nezi nkcukacha zilandelayo ekhosini:
  • Inombolo ye-PESALI
  • Umthamo wenjini yesithuthi nonyaka esenziwa ngawo isithuthi
  • Umgama ngeekhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwindawo yoqeqesho.
6. Ootitshala abasuka kwii-EMDC ezisemaphandleni abafuna indawo yokuhlala mabazenzele amalungiselelo abo. Kucetyiswa ukuba basebenzise iindawo ezibonelela ngendawo yokulala nesidlo sakusa (bed and breakfast accommodation). Aba titshala mabawangenise amabango abo endawo yokulala phambi kokugoduka ngosuku lokugqibela lwekhosi.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zibuyise ifom yobhaliso ezaliswe zonke iinkcukacha, kumcebisi wekharityhulam wesifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation curriculum adviser) okwi-EMDC yazo ungadlulanga umhla we-31 Julayi 2007. Nceda ufunde iziHlomelo A, B no-C. Kucelwa ubhale kwifom indawo okhetha ukuya kuyo yokuqhubela ikhosi.
8. Iinqununu zingaqhagamshelana noNkskz D Christiaans kwaNdlunkulu, ngale foni 021 467 2589, ngale feksi 021 467 2258 okanye ngale dilesi ye-imeyili dchristi@pgwc.gov.za, ukufumana ingcaciso engaphezulu.
9. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ukuya kwezi khosi kungathathelwa ingqalelo xa kuzaliswa iifom ze-IQMS zootitshala.
10. Le khosi yenzelwe ukuxhasa ootitshala kumalungiselelo abo nasekufundiseni inkalo ekugxininiswe kuyo, UkuPhila Qete koMntu yesifundo soLwazi ngezoBomi. Ngako oko ke kuya kuba luncedo kubo ukuya kule khosi yaye iya kuthakazelelwa inkxaso yeenqununu njengeenkokeli zekharityhulam ezikolweni zazo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:08

Isihlomelo A  (ubukhulu: 6 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 5 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 6 KB)