1. Le Ngcaciso Emfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityulam icacisa inani lamaphepha emibuzo eMathematika, ngokwemigqaliselo yeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke, kumaBakala 10 - 12 kwithuba elisusela ku-2007 - 2010.
2. Iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke kwiMathematika ziya kuba namaphepha emibuzo anamacandelo amabini anyanzelekileyo, o.k.t. iPhepha 1 nePhepha 2. IPhepha 3 liphepha ozikhethelayo ukuba uliphendule neliya kuvavanya imiba ozikhethela yona yemathematika kwisiKhokelo so Vavanyo lweZifundo.
3. IPhepha 3 alisayi kubalwa njengemfuno engummiselo wokupasa ukuze abaviwa bafumane iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Impumelelo yabaviwa kwiMathematika iya kubalelwa kula maPhepha 1 no-2 kuphela. Iziphumo zabaviwa zePhepha 3 ziya kukhutshwa kwistatimenti seziphumo esisodwa. Amaziko emfundo ephakamileyo anokusebenzisa esi statimenti xa esenza izigqibo malunga nokwamkelwa kwabafundi kumasebe emfundo yamaziko ephakamileyo (faculties) nakwiiprogram ezithile.
4. Ukubhala iPhepha 3 kuya kuhlala kuliphepha ozikhethelayo ukuliphendula kubaviwa beBakala 12 ukususela ku-2008 - 2010. Kulindeleke ukuba eli phepha libe lelinyanzelekileyo emva kuka-2010. Bayakhuthazwa ootitshala ukuba basebenzele ekufundiseni loo miba yemathematika ivavanywa kwiPhepha 3, kodwa oku makungenziwa ngokuthi kumise kakubi abafundi abangenako ukumelana nePhepha 3.
5. Kucelwa ufunde isiHlomelo 2 kwisiKhokelo soVavanyo lweZifundo (Januwari 2007) ukujonga iMigangatho yoVavanyo ongayiKhetha.
6. Uyacelwa ukuba wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beMathematika bamaBakala 10 - 12, kwakunye nabafundi abakuloo mabakala.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:11

Appendix 2: OPTIONAL MATHEMATICS ASSESSMENT STANDARDS FOR EXAMINATION IN GRADE 12 IN 2008, 2009 and 2010  (ubukhulu: 314 KB)