1. UMboniso weeNcwadi waseKapa (Cape Town Book Fair (CTBF)) uza kubanjelwa e-Cape Town International Convention Centre ukususela nge-16 ukuya kwi-19 Juni 2007. Zingaphezu kwama-300 izinto eziza kuqhubeka, nezibandakanya ukufunda, ukwaziswa kweencwadi ezintsha, iingxoxo zamagqiza athile, neesemina.
2. Lo mboniso uya kuba necala eliya kulungiselela abantwana (special children's zone) elibizwa ngokuba yi-Once Upon a Time, eliya kwenza amabali (story circles), imiboniso (demonstrations), imidlalo (games) nemiboniso (displays) yeencwadi zabantwana. Iprogram yabantwana iya kugxininisa kumba wokufundela ukuzonwabisa nokukhuthaza uthando lweencwadi. Izinto eziza kuqhubeka ziya kuba ngesi-Afrikansi, isiNgesi nesiXhosa. Iprogram ejolise ngakumbi kootitshala icwangciselwe umhla we-18 nowe-19 Juni 2007. Izikolo zivumelekile ukuba zibhukishele ukuza kweeklasi zazo kulo mboniso.
3. Umboniso uya kuvulwa ukususela ngo-09:00 ukuya ku-17:00 yonke imihla ukuqala ngoMgqibelo we-16 ukuya kuLwesibini we-19 kuJuni. Intlawulo yokungena yi-R30 kwabadala ize ibe yi-R10 kubantu abathathe umhlala-phantsi. Nangona abantwana bengena mahala, mabahambe kunye nomntu omdala.
4. Apha kuqhotyoshelwe ezinye iinkcukacha ngalo mboniso. Iinkcukacha ngezinto eziza kwenziwa ziya kukhutshwa kumajelo eendaba nakweli ziko lewebhu lilandelayo http://www.capetownbookfair.com. Ukuba ufuna iinkcukacha ezingaphezulu kucelwa uqhagamshelane no-Juliet van Niekerk kwi-ofisi yomboniso weencwadi ngale nombolo yefoni 021 418 5493.
5. Ziyakhuthazwa iinqununu ukuba zisebenzise esi siganeko ukukhuthaza ulwazi lokufunda nokubhala ngokuthi zikhuthaze bonke abo basezikolweni zazo noluntu ngokubanzi ukuba beze kulo mboniso. Eli lithuba elihle ngokugqithisileyo lokubatsalela bonke kumdla wokufunda njengesiseko semfundo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:04

Information about book fair  (ubukhulu: 482 KB)