1. ISebe leMfundo likazwelonke, libambisene ne-South African History Online, licela zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwi-National Schools' Oral History Competition, i-Nkosi Albert Luthuli Young Historians' Award eqalwe ngo-2005. Olu khuphiswano luya kuba yinxalenye yentatho-nxaxheba yeSebe leMfundo kwizikhumbuzo zeziganeko zembali ezibalulekileyo.
2. Oku kukwayinxalenye yephulo elisoloko liqhutywa leSebe leMfundo lokukhuthaza bonke abafundi ukuba bayiqonde imbali ebanzi yaseMzantsi Afrika nokuqhama kwembali yeendawo abahlala kuzo. Ikwalithuba kwakhona kubafundi abaselula lokufumana amava okuphuhlisa izakhono zophando ezibalulekileyo.
3. Olu khuphiswano luvuleleke kubo bonke abafundi ukususela kwiBakala 8 ukuya kwiBakala 12 nakubo bonke ootitshala bezikolo ezizisekondari.
4. Ukhuphiswano lwaBafundi
4.1 Kufuneka abafundi benze uphando bacwangcise ingcaciso-ntetho (presentation) okanye ifilim yembali okanye ividiyo (documentary film or video) ngezinye zezi zihloko zilandelayo:

Amaqhawe ethu alityelweyo: Phanda ngobomi benkokeli yoluntu yaloo ndawo ohlala kuyo, ubonise ngophando lwezembali yomlomo indlela loo mntu wenza ngayo umahluko kuloo ndawo ohlala kuyo

okanye

Abantu abatsha abafake igalelo kwiindawo esihlala kuzo nakuluntu

okanye

USteve Bantu Biko/ OR Tambo/ Albert Luthuli/ uRobert Sobukwe: Phanda ngenxaxheba yobomi nokufa kwelinye lala maqhawe abantu bethu kumalungu osapho nakwindawo abahlala kuyo

okanye

Phanda ngomzekelo womzabalazo wendawo ohlala kuyo owawuchasene nocalulo-calulo (apartheid), apho uluntu lwaye lwadibana ukubonisa inkcaso yalo yamanye amanyathelo karhulumente wocalu-calulo athi achaphazela ngqo abantu abahlala kuloo ndawo, umz. ukuKwaywa kweeBhasi e-Alexandra okwakhokelela kukwayo lweebhasi olwaba ngundaba-mlonyeni phantsi kwesigwagwiso (slogan) esasisithi 'Azikhwelwa'. Abahlali base-Alexandra baye bahamba ngeenyawo ukuya emsebenzini nokubuyela e-Alexandra bedlula eLouis Botha Avenue, kwisixeko saseRhawutini, uhambo olo olwaludla ngokuba li-15 ukuya kwi-30 km. Ukwayo olo lwathatha i-180 leentsuku

okanye

Phanda ngembali yosapho olungcambu yalo esusela kumaxesha obukhoboka

4.2 Kucelwa niqaphele oku kulandelayo:
  • Iprojekthi leyo mayisekelwe kuphando lwembali yomlomo.
  • Abafundi mabancediswe ekukhetheni kwabo abantu abaza kuba nodliwano-ndlebe nabo. Abafundi bafanele ukuba bakhokelwe kakhulu ekukhetheni umntu osuka (abantu abasuka) kwindawo abahlala kuyo.
  • Inkqubo yokugweba iya kulinganiselwa ngokomgangatho wophando, endaweni yokuba kujongwe uhlobo elulo ingcaciso-ntetho (presentation).
  • Ingcaciso-ntetho ingenziwa ngalo naluphi na ulwimi kwezaseburhulumenteni.
5. Ukhuphiswano looTitshala
5.1 Kuya kufuneka ootitshala abangenela ukhuphiswano bangenise isicwangciso somsebenzi esibonisa indlela ababecwangcise ngayo ukuba baza kuyilungiselela njani iprojekthi yembali yomlomo eklasini.
5.2 Kuya kufuneka ootitshala benze ingcaciso-ntetho ngeephothifoliyo zabo kwiphaneli yabagwebi kwaye mabalungiselele loo ngxoxo yephaneli ngephothifoliyo leyo.
5.3 Ootitshala mababandakanye oku kulandelayo kwiphothifoliyo yokhuphiswano:
  • Indlela eyaqaliswa ngayo iprojekthi yembali yomlomo eklasini.
  • Yeyiphi inkcazo eyanikwa abafundi ngokukhetha nokuthetha nabo banokuthi babuzwe imibuzo yodliwano-ndlebe, nokulungiselela nokuqhuba udliwano-ndlebe nokusebenzisa udliwano-ndlebe njengobungqina bokufikelela kwizigqibo ngegalelo laloo mntu.
  • Zeziphi iindlela zongenelelo ezaye zenziwa ngutitshala ukuncedisa abafundi bayigqibe iprojekthi.
  • Oko utitshala acinga ukuba abafundi bakuzuza ekwenzeni kwabo uphando ngembali yomlomo.
6. Inkqubo yokugweba
6.1 Inkqubo yokugweba iya kwenziwa kwiphondo ngo-Agasti 2007 nakuzwelonke ngoSeptemba 2007 kwisiganeko sikazwelonke.
6.2 Kuya kukhethwa iiphaneli zabagwebi ezibandakanya oosombali (historians) nabaqeshwa bezenkcubeko elilifa lethu (heritage workers) ukuba ngabagwebi kwiphondo nakuzwelonke.
7. ISiganeko sikaZwelonke
7.1 Abafundi abalishumi abaya kukhethwa kwizikolo eziziisekondari kuwo onke amaphondo ngenjeeNkosi Albert Luthuli Young Historians ukuba bamele iphondo ngalinye kwisiganeko sikazwelonke KwaZulu-Natala ngoSeptemba 2007. Abafundi baya kulindeleka ukuba benze ingcaciso-ntetho yomlomo ngophando lwabo kwaye kufuneka babe nekopi ebhaliweyo (hard copy) yesincoko ngophando lwabo yabagwebi.
7.2 Ootitshala ababini abasuka kwiphondo ngalinye baya kukhethwa ukuya baye kwisiganeko sikazwelonke KwaZulu-Natala ngoSeptemba 2007. Baya kulindeleka aba titshala ukuba babonise iphaneli yabagwebi izicwangciso zomsebenzi wabo.
8. Kuqhotyoshelwe apha iikhrayitheriya zokugweba umsebenzi wabafundi.
9. Ukuba isikolo sakho sinqwenela ukungenela olu khuphiswano, kucelwa uzalise le fom yobhaliso uze uyithumele ngefeksi okanye nge-imeyili kuMcebisi ngezeKharityhulam yeeSayensi zeNtlalo okanye yezeMbali kwi-GET/FET okwi-EMDC yakho noya kukunika ingcaciso engaphezulu ngenkqubo yokugweba.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:05

IIKHRAYITHERIYA ZOKHUPHISWANO LWABAFUNDI  (ubukhulu: 26 KB)
IFOM (Registration)  (ubukhulu: 6 KB)