1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linovuyo lokwazi ukunika umvi oyintloko wephepha ngalinye iziphumo ezifunyenweyo zelo phepha kweli phondo.
2. Le ngcaciso inikiweyo iyimfihlo, kodwa abavi abaziintloko bamele ukwabelana ngayo neephaneli zabavi. Kunikwe iinkcukacha-manani ezibonisa i-avareji yephondo kumbuzo ngamnye, kunye ne-avareji yephondo yephepha lilonke.
3. Iiphaneli zabavi kufuneka zifunde iinkcukacha-manani zize zixoxe ngeziphumo zazo kwisifundo, ngokunjalo nakubaviwa.
4. Kwimeko apho abavi banezinto ezixhalabisayo okanye iingcebiso, umvi oyintloko uyacelwa ukuba afake ingxelo emfutshane kuMlawuli weCandelo loPhuhliso lweKharityhulam ngoko nangoko.
5. Siyathemba ukuba ukukhutshwa kwezi nkcukacha-manani konceda abavi ekuseteni amaphepha emibuzo alungelene kakuhle.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:01:10


"Amaxwebhu ekuthiwe aqhotyoshelwe kule ngcaciso emfutshane akaqhotyoshelwanga kule imeyili, kodwa ayafumaneka engamaxwebhu angamaphepha kwaye aza kuposwa kungekudala.
Umzekelo wohlobo lweenkcukacha-manani okhankanywe kule ngcaciso emfutshane uqhotyoshelwe njengefayili eyi-PDF."
Question Analysis - November 2006  (ubukhulu: 28 KB)