1. Ukubekwa esweni komgangatho wemfundo kwizikolo ezizimeleyo
1.1 Izikolo ezizimeleyo ezibhaliswe kwiSebe leMfundo likazwelonke kufuneka, ngokoMthetho oFakela iziLungiso kuMthetho weMfundo (Education Amendment Act), zifundise imfundo esemgangathweni elinganayo ubuncinane naleyo efundiswa ezikolweni zikarhulumente.
1.2 Ii-EMDC kufuneka zibeke esweni umgangatho wemfundo efundiswayo zize ziqinisekise ukuba izikolo ezizimeleyo zifundisa iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke, ngaphandle kokuba isikolo eso sibhaliswe njengesikolo sabafundi abasuka kwamanye amazwe.
1.3 Ukubeka esweni okulolo hlobo makwenzeke qho ngamathuba amiselweyo, kusekelwe kwizinto ezifunyenwe ngezo zihlandlo zotyelelo.
1.4 Ukubekwa esweni kwekharityhulam nomgangatho wemfundo makungabi ngumthwalo onzima ezikolweni yaye makuqhubeke emva kwembalelwano nenqununu ekunikwa kuyo izizathu ezizeleyo zotyelelo ize ibalule amaxwebhu afunekayo kunye nothetha-thethwano nentsebenziswano efunekayo.
1.5 Njengoko iSebe leMfundo leNtshona Koloni linganiki nkxaso epheleleyo kwizikolo ezizimeleyo ngokumalunga nekharityhulam, ootitshala abakwezi zikolo abanakunyanzeliswa ukuba baye kwiintlanganiso zezikolo ezisebenzisanayo zokuphucula izakhono nenkxaso (developmental and support cluster meetings). /td>
2. Uvavanyo ngenjongo yokufumana iziqinisekiso kwizikolo ezizimeleyo
2.1 Umalusi ufuna ukuba amaQumrhu eNza uVavanyo makamodareyithe uvavanyo olwenzeka ezikolweni lwabo bonke abafundi abafumana isiqinisekiso esikhutshwa ngu-Umalusi. Makuqatshelwe ukuba iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke sifundiswa ithuba leminyaka emithathu ukusuka kumaBakala 10 - 12.
2.2 Igatya 94 loMgaqo-nkqubo woVavanyo neziQinisekiso zeZikolo ezikwiCandelo leMfundo noQeqesho ngokuBanzi (National Policy on Assessment and Qualifications for Schools in the General Education and Training Band) lifuna ukuba onke amaqumrhu enza iimviwo avunyiweyo ahlangabezane neemfuno zovavanyo ngokwemimiselo ka-Umalusi. Ngako oko ke, ngaphandle kokuba izikolo zibhalisiwe kwiBhodi yeeMviwo eZimeleyo (Independent Examination Board) (IEB) ukulungiselela uvavanyo lweBakala 9, kufuneka isikolo senze imiSebenzi yeeMvavanyo eFanayo (Common Tasks for Assessment (CTA)), njengoko kubonelelwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni, kwaye kufuneka ootitshala banike ubungqina bokufunda okwenzekileyo ukulungiselela ukumodareyitha. Izikolo mazazise uMlawuli we-EMDC noMlawuli weCandelo loPhuhliso lweKharityhulam ukuba ngaba zenza imisebenzi yeemvavanyo yeBakala 9 ye-IEB.
2.3 Apho isikolo esizimeleyo sinikwe "iMinyaka emiHlanu yokuVunywa ngokuPheleleyo kweziQinisekiso" ("Five Years Full Accreditation") ngu-Umalusi, ootitshala abakweso sikolo abanakunyanzeleka ukuba baye kwintlanganiso yokumisela imigangatho, kodwa bangazenzela ngokwabo ukumisela imigangatho.
2.4 Njengoko iSebe leMfundo leNtshona Koloni linganiki nkxaso ithe ngqo kwizikolo ezizimeleyo ngokumalunga nekharityhulam, ngaphandle kokuba loo nkxaso iye yacelwa ngokukodwa ngencwadi ebhaliweyo, izikolo azinakunyanzeleka ukuba ziye kwintlanganiso yokumodareyitha yesibini yonyaka, yohlobo lokuphucula izakhono nolwazi nenjongo ikukunika inkxaso kootitshala.
2.5 Zonke izikolo ezizimeleyo kufuneka ziye kwiseshoni yokugqibela yonyaka yamaBakala 9, 10, 11 no-12 ukuba azizibhali iimviwo ze-IEB kwiBakala 9 kunye/okanye kwinqanaba leBakala 12.
2.6 Kufuneka iiseshoni zokumodareyitha zenzeke ngexesha elingayi kuphazamisa inkqubo yesikolo. Makuthathelwe ingqalelo into yokubanjwa kweeseshoni zokumodareyitha ngexesha lokubhalwa kweemviwo xa abo babambeleyo (substitutes) benokusuphavayiza endaweni yootitshala abaya kwiseshoni yokumodareyitha. Ukuba inqununu ibona ukuba ixesha leseshoni yokumodareyitha alibalungelanga, makwaziswe uMlawuli we-EMDC ngencwadi ebhaliweyo.
2.7 Ukuba utitshala osuka kwisikolo esizimeleyo akaphumeleli ukuya kwiseshoni yokumodareyitha yokugqibela, uMlawuli okanye uMcebisi ngezeKharityhulam oyiNtloko makazise inqununu ngencwadi ebhaliweyo kuze kwenziwe amanye malungiselelo okumodareyitha.
3. Izikolo ezizimeleyo neemviwo zikazwelonke
3.1 Izikolo ezizimeleyo ezingabhaliswanga ukuba zibhale ii-CTA zeBakala 9 kunye/okanye uviwo lweSatifikethi seMatriki (sikaZwelonke) phantsi kweBhodi yeeMviwo eZimeleyo mazigqibe yonke imisebenzi yeemvavanyo emiselweyo eyenziwa ezikolweni zize zibhale neemviwo zonke ezifunekayo.
3.2 Izikolo ezizimeleyo azinyanzelekanga ukuba zibhale iimviwo ezinjongo ikukumisela imigangatho yezikolo zikarhulumente, enjengeemviwo zeBakala 11 zowe-2007.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:06:08