1. Ezoshishino kwi - NCS
1.1 Iziphumo zophuhliso lwezakhono zabafundi (developmental outcomes) zeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (NCS), neziphumo zokufunda zeeSayensi zoQoqosho noLawulo kunye neZifundo zoShishino ingakumbi, zigxininisa ngamandla ezoshishino yaye zinika abafundi ithuba lokufumana ulwazi nezakhono zezoshishino ezibalulekileyo.
1.2 Imigangatho yovavanyo yeeSayensi zoQoqosho noLawulo kunye neZifundo zoShishino ikwabonelela abafundi ngethuba lokufumana amava okwenene okuqalisa amashishini.
2. Amaxwebhu azizikhokelo neencwadi zomsebenzi
2.1 ISebe leMfundo leNtshona Koloni liye laqulunqa uxwebhu oluthi - My Business isikhokelo sootitshala neencwadi zomsebenzi (workbooks) zabafundi ukuhlangabezana ingakumbi neziphumo zokufunda kunye nemigangatho yovavanyo, njengoko kufunwa njalo yikharityhulam entsha, nokwenza abafundi bakwazi ukukhangela amathuba okuqala amashishini - ukususela ekuqanduselweni kombono (idea generation) ukuya kutsho ekuqhutyweni kweshishini ngabafundi, ngokuzimeleyo okanye ngokuhlanganyela.
2.2 Bayacelwa ootitshala ukuba bakhuthaze ukuzivelisela ngengqondo yendalo kwabafundi iimbono ezintsha zoshishino ukusukela kuzo zonke iziveliso neenkonzo, ingakumbi ukusebenzisa ulwazi lwakweli lizwe (indigenous knowledge) nobugcisa bokwenziwayo (performing arts).
2.3 Isikolo ngasinye siya kunikwa isethi yeencwadana ze-My Business, ilungelo lokwenza iikopi zale ncwadana ligodlwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni. Ngako oko ke izikolo zinako ukwenza iikopi ngokweemfuno zazo.
2.4 Iincwadi zomsebenzi ezibizwa ngokuba yi-My Business zinokusetyenziswa kwithuba leminyaka emibini, o.k.t. kwiiSayensi zoQoqosho noLawulo kumaBakala 8 - 9, nakwiZifundo zoShishino kumaBakala 10 - 11 ekukhokeleni ootishala nabafundi ekuphuhliseni izakhono ngeli lixe befezekisa imigangatho yovavanyo.
3. Usuku lwemalike
3.1 Ezi ncwadi zomsebenzi ziya kukhokela ootitshala ekufezekiseni imfuno yokuba isikolo ngasinye siququzelele ubuncinane isiganeko sezoshishino esinye (umz. usuku lwemalike) qho ngonyaka kubafundi beSigaba saBadala (Senior Phase) nabeCandelo le-FET.
3.2 ISebe le Mfundo leNtshona Koloni lijolise ekusekeni usulu lwemalike lwengingqi ngeVeki yooSomashishini aBancinane baseNtshona Koloni (Western Cape Small Business Week).
4. Isiphelo
4.1 ISebe iWCED linethemba lokuba ezi nzame ziya kukhuthaza abafundi, ngethuba lokushiya isikolo, ukuba baqalise amashishini ukuze bakwazi ukukhuthaza ukudalwa kwemisebenzi eNtshona Koloni yaye badlale indima ebalulekileyo ekupheliseni ubuhlwempu.
4.2 Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo nokuba zixhase iinzame zezoshishino ekujongwe kuzo.
4.3 Imibuzo ingabhekiswa kubacebisi ngezekharityhulam beeSayensi zoQoqoqosho noLawulo nakwabeZifundo zoShishino kwi-EMDC echaphazelekayo. Isiganeko sezoshishino siya kunika abafundi ithuba lokubonisa amalinge abo ezoshishino.


ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:05:06