1. ISetyhula 0023/2006 yabhengeza iilwimi ezivunyiweyo liSebe leMfundo likazwelonke (DoE) kwinqanaba lolwimi lwesibini olongezelelweyo (second additional language level).
2. IBhunga eliziMeleyo leeMviwo (Independent Examination Board) (IEB) lazise ukuba iziKhokelo zeeMvavanyo zeziFundo (Subject Assessment Guidelines) (SAGs) zavunywa ngokusesikweni ngu-Umalusi. Ezi zikhokelo ziya kusetyenziswa kwiimviwo zeelwimi ezingezozaseburhulumenteni.
3. Ii-SAGs zeelwimi ezingezozaseburhulumenteni ziyafumaneka kwiziko lewebhu le-IEB kwaye iikopi ezingamaphepha zingafumaneka ngqo kwa-IEB ngokuqhagamshelana noMnu Bongani Mnguni kule dilesi ye-imeyili mnguni@ieb.co.za okanye ngale nombolo yefoni 011 483 9700.
4. Abe-IEB bavakalise ukuba banenjongo yokubamba intlanganiso ukwenzela izikolo ezifundisa iilwimi ezingezozaseburhulumenteni kwiphondo leNtshona Koloni, ukuqhelanisa ootitshala nemimiselo eyimfuneko ye-IEB. Iinkcukacha ngemihla, amaxesha kwaneendawo zezi zilandelayo:
Umhla: 1 Juni 2007
Indawo: Rustenburg Girls High School, Campground Road, Rondebosch.
Time: 14:00 -16:30 
5. I-IEB iya kuvavanya ezi Lwimi zilandelayo zesi-2 eZongezelelweyo ezingezozaseBurhulumenteni:
Isi-Arabhu    IsiTaliyane
IsiFrentshi   IsiLatini
IsiJamani     IsiPhuthukezi
IsiHebhere    IsiSpanishi

Ezi Lwimi zeNkobe zilandelayo noLwimi 1 oLongezelelweyo azisayi kuvavanywa yi-IEB ukususela ngo-2008 ukuya phambili: Iinkcukacha ezingaphezulu malunga noku ziya kuthunyelwa ngexesha elifanelekileyo.

IiLwimi zenkobe			 
IsiGujarati   IsiThamili
IsiHindi      IsiTelegu
IsiPhuthukezi IsiUrdu

ULwimi 1 oLongezelelweyo
IsiTelegu
6. I-IEB iya kuqhuba uviwo lwesiJamani uLwimi lweNkobe ngo-2008 kuphela. Ngo-2009, isiJamani uLwimi lweNkobe siya kuba yinxalenye yesiqinisekiso esidityanisiweyo se-Arbitur-NSC kuze kuthi ngenxa yeso sizathu singafundiswa yi-IEB.
7. Kucelwa wazise le ngcaciso bonke ootitshala abachaphazelekayo esikolweni sakho.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:05:10