1. Njengoko izikolo zilungiselela abafundi uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke oluvavanya iNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke ngo-2008, kubaluleke gqitha ukuba iSebe iWCED lenze ucazululo olupheleleyo lweziphumo zeBakala 10 no-11 ukuze libenokunika inkxaso apho kuyimfuneko.
2. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise olu Xwebhu lusisiShwankathelo samaNqaku kaJuni (June Summary Sheet) amaBakala 10 & 11 luqhotyoshelweyo, (IsiHlomelo A1 no IsiHlomelo-A2), zize ziluthumele ngefeksi okanye nge-imeyili kulo mntu uboniswe kwithebhile elapha ngezantsi kwi-EMDC yakho, ungadlulanga umhla we-28 Juni 2007. Nasiphi na isikolo esingenakho ukwenza oku, masichazele i-EMDC ngencwadi ebhaliweyo, sinike izizathu zokuba kutheni na singenakho ukwenza njalo.
3. Kucelwa uqhagamshelane kwanalo mntu mnye ukuba unemibuzo malunga noku.

I-EMDCUmntu  owenza
lo msebenzi
IFEKSIIFONII-IMEYILI
Breede River/ OverbergJohn Goliath023 342 4138023 348 4617jgoliath@pgwc.gov.za
CentralCharmaine Pietersen021 659 4413021 659 4422jchpieter@pgwc.gov.za
EastZenna  Grove-Nieuwenhoudt021 903 2149021 900 7185jzgrove@pgwc.gov.za
NorthLudwig Punt021 938 3184021 938 3028jlpunt@pgwc.gov.za
SouthKaren Dudley021 372 1856021 370 2062jkdudley@pgwc.gov.za
South Cape/ KarooAlta Raath044 803 8329044 803 8329jasraath@pgwc.gov.za
West Coast/ WinelandsPierre Boonzaaier021 860 1231021 871 1107jpboonzaaier@pgwc.gov.za

4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu epheleleyo ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:05:31

Grade 10 Summary Sheet  (ubukhulu: 99 KB)
Grade 11 Summary Sheet  (ubukhulu: 99 KB)