1. IVeki yeSayensi kaZwelonke (National Science Week (NSW)) liphulo leSebe leSayensi neThekhinoloji (Department of Science and Technology (DST)), nelisebenza ngokubambisana neSebe leMfundo.
1.1 Iinjongo zeNSW kukukhuthaza umdla wolutsha lwethu kwisayensi kusekwangoko kwiminyaka yokukhula kwalo nokulukhuthaza ukuba lube nomdla ekufundeni izifundo zemathematika nesayensi. Lo gama kugxininiswa kulutsha lwethu, ikwayinjongo yethu ukukhuthaza ukuba abenolwazi amacandelo oluntu anefuthe kwizifundo nakumakhondo omsebenzi akhethwa ngabafundi.
1.2 Iinjongo eziphambili zeNSW zezi
  • ukwenza kwaziwe ngokubaluleka kwendima edlalwa yisayensi kubomi babantu bemihla ngemihla;
  • ukukhuthaza ulutsha lwethu ukuba luthathele ingqalelo ukufunda nokuphucula iziphumo zalo kwimathematika nakwisayensi;
  • nokutsalela ulutsha oluninzi kumakhondo omsebenzi esayensi, ubunjineli nethekhinoloji (SET careers).
1.3 Umxholo wale NSW uthi "Tomorrow's Science & Technology are in our Youth's Hands". "INgomso leSayensi neThekhinoloji liseZandleni zoLutsha".
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni licela zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwiVeki yeSayensi kaZwelonke ngokuthatha inxaxheba kootitshala nabafundi kwizinto ngezinto eziya kwenziwa nezilungiswe ngababoneleli-nkonzo besayensi abahlukeneyo (different science service providers) kwiphondo liphela.
2.1 Iinqununu ziyacelwa ukuba ziqhagamshelane nababoneleli-nkonzo nokuba ziququzelele uthatho-nxaxheba lwezikolo kwiiprogram eziya kuqhutywa ngababoneleli-nkonzo ekulula ukuba bafikelele kwabo bahlali bezikolo (school communities) bakufuphi nabo.
2.2 Ukwenzela ukuba ukwazi ukufikelela kwiprogram eneenkcukacha ezibanzi ngezinto eziza kwenziwa ngeNSW kucelwa uqaphele le ngcaciso engoqhagamshelwano nababoneleli-nkonzo abalolu hlobo ekule thebhile elapha ngasezantsi:

Iqumrhu/
Umboneleli-nkonzo
Ababukeli abathagethiweyoIngcacisoIfoniI-imeyili/Iziko lewebhu
MTN Sciencentre
Western Cape
Abafundi bamaBakala R - 12,
ootitshala, iintsapho noluntu ngokubanzi
Julie Cleverdon Busi Maqubele021 529 8100 or 083 276 9501julie.cleverdon@mtnsciencentre.org.za
www.mtnsciencentre.org.za
Ithemba LABS
Western Cape
Abafundi, ootitshala
noluntu ngokubanzi
Ryan Linden Ambrose Yaga021 843 1021 073 727 3141yaga@tlabs.ac.za
www.nac.ac.za
Hermanus Magnetic
Observatory (HMO)
Abafundi bamaBakala
3 - 12 noluntu
Elisa Fraser
Gayle Overmeyer
028 312 1196 076 524 9098efraser@hmo.ac.za
www.hmo.ac.za
SAA Observatory
Auditorium
Abafundi, ootitshala
noluntu ngokubanzi
Sivuyile Manxoyi Kevin Govender021 447 0025 021 460 9350 082 487 8466kg@saao.ac.za
www.saao.ac.za
SAASTEAbafundi, ootitshala
noluntu ngokubanzi
Tommy Botha021 467 2559tbotha@pgwc.gov.za
www.curriculum.wcape.school.za

3. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ootitshala abachaphazelekayo okukule ngcaciso emfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:05:08