1. Kukho amagosa asuka kumaphondo nathatha inxaxheba njengangoku, nasaza kuthatha inxaxheba nakwixesha elizayo, ekusetweni nasekuqinisekisweni komgangatho wamaphepha eemviwo zeMatriki (Senior Certificate) naweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate).
2. Kwimeko apho nawaphi na amagosa aqeshelwe ukuseta okanye ukumodareyitha amaphepha emibuzo yeemviwo zikazwelonke okanye ukwenza nawuphi na omnye umsebenzi wokuqinisekisa umgangatho (quality assurance) we-DoE okanye ka-Umalusi naye afumane ngawo intlawulo engaphezulu, makazalise lilelo nelo ifom u-Z1 (yesicelo sokungabikho emsebenzini) okwezo ntsuku aya kube engekho ngazo emsebenzini wawo.
3. Uhlobo lwekhefu oluya kuthathwa kule meko likhefu elilodwa (special leave), kwaye makunikwe isizathu sekhefu elilodwa kuze kufakwe namaxwebhu axhasayo. Olo hlobo lwekhefu kufuneka lube nokuvunywa phambi kokuba la magosa emke angabikho emsebenzini wawo.
4. Iisuphavayiza zamagosa alolo hlobo maziqinisekise ukuba la magosa kuthethwa ngawo ayawuthobela lo mmiselo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:01:09