1. INgcaciso eMfutshane 0071/2006 yacacisa ukuba amaphepha emibuzo angumzekelo eBakala 11 aya kuthunyelwa kuzo zonke izikolo zeli lizwe. Eli phulo yenye yeenzame zeSebe leMfundo likazwelonke zokunceda izikolo kumalungiselelo azo eemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate examinations) ngo-2008.
2. Okuthunyelwa nale ngcaciso emfutshane, ngamaphepha emibuzo angumzekelo eBakala 11 neememoranda zawo njengoko kwakuthenjisiwe.
[These documents are not 'enclosed' but are available electronically - see below]
2.1 Amaphepha emibuzo angumzekelo akwanje akwafumaneka nakwiziko lewebhu kule dilesi ilandelayo yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam:
      http://curriculum.wcape.school.za/site/22/page/view/1250
La maphepha angumzekelo aza kufumaneka kwakhona nakwi-CD yakwa-Edumedia, kule nombolo yefoni: 021 689 9536.
2.2 Iseti epheleleyo yawo onke amaphepha emibuzo angumzekelo sele inikwe zonke izikolo.
2.3 Iinqununu maziqinisekise ukuba la maphepha angumzekelo asetyenziswa ngempumelelo ziikomiti zezifundo (subject teams) ukwenzela ukuba abafundi babenolwazi ngohlobo lwemibuzo nezakhono eziyimfuneko ukuphendula iphepha lemibuzo likazwelonke. Nangona kunjalo, la maphepha angumzekelo makangasetyenziswa eluviweni olumiselweyo (formal examination) phakathi enyakeni.
2.4 Ziyacelwa izikolo ukuba zikhomente malunga nala maphepha emibuzo kazwelonke ngokuthumela ifeksi kuMlawuli weCandelo loPhuhliso lweKharityhulam apha: 021 467 2620 okanye 21 467 2258. Oku kungenziwa ngokusebenzisa ithemplethi eqhotyoshelwe kula maphepha angumzekelo eBakala 11 ungekadluli umhla we-25 Meyi 2007. Izikolo zinako kwakhona ukuthumela i-imeyili yeekhomemti zazo kulo: jparbhoo@pgwc.gov.za.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenelela ootitshala nabafundi impumelelo ngexesha elidala umdla omkhulu nelicela umngeni lenguqu kwiMfundo yaseMzantsi Afrika.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:04:19

ithemplethi  (ubukhulu: 6 KB)