1. Unyaka ka-2008 uya kuqaphela isikhumbuzo sama-60 sokuBhengezwa kwamaLungelo oLuntu kwiHlabathi liphela (Universal Declaration of Human Rights). Ekubeni kuthathelwe ingqalelo oku, i-Foundation for Peace and Co-operation, eseSpain, iza kulusebenzisela ukhuphiswano lwayo lonyaka i-Peace and Co-operation School Awards Competition ngo-2007 ukukhuthaza, kwizikolo kwihlabathi liphela, ukuqatshelwa kwamalungelo oluntu.
2. Injongo yale projekthi yamabhaso kukunika abantwana abavela kwizizwe ngezizwe, kwiintlanga ngeentlanga nakwiinkcubeko ezahlukeneyo ithuba lokuvakalisa iimbono zabo ngamalungelo oluntu ngokuthi bazobe, badizayine (design) kwaye bafote iifoto.
3. Umxholo wamalungelo oluntu luphela uthi Ilungelo lam lokwenza izigqibo (My right to decide). Ootitshala mabaqaphele ukuba ukhuphiswano lunamacandelo amathathu ahlukeneyo, apho icandelo ngalinye lilungiselelwe indlela ethile yokuvakalisa iimbono kwiqela lobudala elithile. Ngako oko ke kufuneka kusetyenziswe iindlela ezifanelekileyo ukwaziswa abafundi umxholo. (Funda isiHlomelo A.)
4. La maBhaso okuWonga iMisebenzi yobuGcisa yaMazwe ngaMazwe ngo-2007 (2007 International Art Awards) axhaswa ngemali liSebe leMicimbi yangaPhandle laseSpain, nguRhulumente wePhondo leMadrid (Madrid Provincial Government) kunye nee-NGO ezahluka-hlukeneyo zamalungelo oluntu.
5. UMzi woZakuzo waseMzantsi Afrika oseSpain, iSebe leMfundo kuzwelonke eMzantsi Afrika neSebe leMfundo leNtshona Koloni bakhuthaza ukuthatha inxaxheba kwabafundi kolu khuphiswano.
6.

Onke amangenelo makathunyelwe ngeposi, okanye kuthunyelwe nge-imeyili iifoto zedijithali ngqo kwezi dilesi zilandelayo:

Fundación Paz y Cooperación       Ifoni  (34) 91 549 61 56
C/Melendez Valdés, n°68, 4 izq    Ifeksi (34) 91 543 52 82
28015 Madrid                      pazycoop@eurosur.org
España                            pazycooperacion@hotmail.com
7. Onke amangenelo aya kuba yipropathi ye-Fundación Paz y Cooperación (Foundation for Peace and Co-operation).
8. Qaphela ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni alinako ukuthatha uxanduva lokungenisa amangenelo abafundi kwi-Fundación Pazy Cooperación.
9. Umhla wokuvala ukungeniswa kwamangenelo ngowe-1 Julayi 2007.
10. Iinkcukacha ezongezelelweyo zokhuphiswano zifumaneka kwisiHlomelo A.
11. Kucelwa wazise bonke ootitshala beziko elo okubhalwe kule ngcaciso emfutshane.


ISAYINWE: NGU-JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:04:19