1. Esi sicwangciso samaxesha okubhala siqhotyoshelweyo soviwo lukaJuni 2007 lweMfundo yaBadala kwiNqanaba 4 sifike sivela kwiSebe leMfundo likaZwelonke. Uviwo luya kuqala ngowoku-1 Juni 2007 luze luphele ngowe-21 Juni 2007. Nganye inkalo yesifundo iya kubhalwa ukususela ngentsimbi ye-14:00 kuye kweye-17:00 ngosuku oluchaziweyo. Njengoko olu vavanyo iyinkqubo eyenzeka kwizwelonke, imihla namaxesha ayafana kwilizwe lonke yaye akusayi kuvunyelwa konke konke ukutenxa kwesi sicwangciso samaxesha okubhala.
2. Njengangaphambili, ngamagosa akwii-EMDC nakwaNdlunkulu nabameli baka-UMALUSI abaya kubeka esweni (monitor) inkqubo yokubhalwa koviwo.
3. Ukuba uvavanyo lwenzelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yabadala makenze amalungiselelo kwangoko okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, isakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese njl. njl.
4. Makancede amaziko aqinisekise ukuba abagadi babaviwa abaziintloko nabagadi babaviwa bawo baqeqeshiwe ncam yaye bayakwazi ukukusingatha ngempumelelo ukuqhutywa koviwo.
5. Ngumsebenzi wabaphathi bamaziko emfundo ukusingatha imibandela yezolawulo. Ngoko ke, bonke abaphathi bamaziko mababe kumaziko oviwo phambi kokuqala kweseshoni nasekupheleni kweseshoni yovavanyo nganye.
6. Akukho mntu makavunyelwe angene kwindawo ekubhalelwa kuyo uviwo engaqalanga aveze isazisi (ID) okanye ileta yokuvunyelwa okanye ikhadi lokuzazisa elimgunyazisayo okanye ileta yokuzazisa.
7. Bayacelwa abaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba:
7.1 banike bonke ootitshala nabaviwa isicwangciso samaxesha okubhala ngoko nangoko ukwenzela ukuba babe nako ukwenza izicwangciso zokugqibela zoviwo.
7.2 bakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa ezixelwe kuMhlathi ngentla apha, phambi kokuba kuqale iseshoni yovavanyo nganye.
7.3 banqwenelele bonke abaviwa impumelelo kwiimviwo zabo egameni leli Sebe leMfundo.


ISAYINWE: NGU-JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:04:19

ABET Timetable - June 2007  (ubukhulu: 12 KB)