1. Amaxwebhu okubonisa isantya sokufundisa eMathematika amaBakala 10 no-11 nathunyelwa ezikolweni ngoNovemba 2006 efakwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam DCD/0109/2006 ashiyelela imiGangatho yeeMvavanyo ethile.
2. La maxwebhu okubonisa isantya sokufundisa aqhotyoshelweyo, anayo yonke imiGangatho yeeMvavanyo (Assessment Standards) echaphazelekayo yamaBakala 10 no-11, yaye ke ngoko athatha indawo yalawo athunyelwa ngoNovemba 2006.
3. Mazincede iinqununu ziqinisekise ukuba ngamnye utitshala we-FET okwistafu uyazifumana iikopi zala maxwebhu okubonisa isantya sokufundisa aqhotyoshelweyo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ootitshala bayayigqiba ikharityhulam.
4. Ukuba ootitshala bafuna inkxaso engaphezulu, mabaqhagamshelane nabacebisi ngezekharityhulam abachaphazelekayo kwii-EMDC zabo.


ISAYINWE: NGU-JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:04:10

Pacesetters for Grade 10  (ubukhulu: 35 KB)
Pacesetters for Grade 11  (ubukhulu: 35 KB)