1. Iikhalityhuleyitha ezisayentifikhi (Scientific calculators) zisetyenziswa ngabaviwa ababhala iiMviwo zeMatriki zeMathematika neFizikhali Sayensi. Ngako oko ke iinqununu nabagadi babaviwa abaziintloko mabancede baqinisekise ukuba kuthathwa la manyathelo okhuseleko alandelayo xa kubhalwa la maphepha:
2. Iikhalityhuleyitha ezivumelekileyo
2.1 Kuphela ziikhalityhuleyitha ezisayentifikhi ekuvumelekileyo ukuba zisetyenziswe.
2.2 Ezi khalityhuleyitha mazingabi zezo zinokuprogranywa yaye zingabi nazigrafikhi.
2.3 Phambi kokuba umgadi wabaviwa ayohluthe ikhalityhuleyitha kwigumbi leemviwo, kufuneka aqale athetha-thethane nentloko yesifundo seMathematika okanye seFizikhali Sayensi, okanye nomntu ekudluliselwe kuye amagunya yinqununu ukulungiselela le njongo. Kumaziko okubhala iimviwo azimele odwa engadibananga nesikolo, makuthetha-thethwane nomgadi wabaviwa oyintloko.
3. Izingxobo zokufaka iikhalityhuleyitha (calculator covers)
3.1 Kuye kwakho iziganeko kwixesha elidlulileyo apho iinowuthsi zokukopa zazibhalwe kwizingxobo zokufaka iikhalityhuleyitha kwaza kwangenwa nazo kwigumbi lokubhalela uviwo.
3.2 Iinqununu nabagadi babaviwa mabathathe amanyathelo ayimfuneko ukuthintela lo mkhwa. Kwimeko apho izingxobo zekhalityhuleyitha zinako ukususwa, abaviwa mabazishiye ngaphandle kwegumbi lokubhalela uviwo. Zonke izingxobo ezingenako ukususwa mazitshekishisiswe ngabagadi babaviwa phambi kokuba kuqale iseshoni yoviwo.
4. Abagadi babaviwa mabaqinisekise ukuba zonke iikhalityhuleyitha zicinyiwe phambi kokuba iqale iseshoni yoviwo.
5. Ukuba umviwa ufuna ukuboleka ikhalityhuleyitha ngethuba kuqhuba uviwo, umgadi wabaviwa makaqinisekise ukuba ikhalityhuleyitha iyacinywa phambi kokuba umbolekisi ayinike lowo uyibolekayo, kube njalo naxa lowo ubolekayo eyibuyisa.
6. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane umgadi mabaviwa oyintloko weziko lakho, bonke ootitshala abafundisa amaBakala 11 no-12, nabo bonke abafundi abakuloo mabakala.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:05:24