1. ISebe leMfundo likazwelonke lihlaziye izikhokelo zeeprogram zezifundo (learning programme guidelines) (LPGs)) kwisifundo ngasinye secandelo le-FET ukomeleza nokuxhasa ukuphunyezwa kweNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement) (NCS)).
2. Sele lizithumele iSebe leMfundo ezi-LPG zihlaziyiweyo zibhalwe ngesiNgesi kwisifundo ngasinye kwezingama-29 ze-NCS (zamaBakala 10 - 12). La maxwebhu abhalwe ngesiNgesi athunyelwa ezikolweni ngoko nangoko. Aguqulelwa kwisi-Afrikansi la maxwebhu yaye aya kuthunyelwa ngokungqinelana nolwimi lokufundisa olusetyenziswa sisikolo akuba nje egqityiwe.
3. Ezinye ii-PLG ezihlaziyiweyo zinengcaciso eyongezelelweyo ngekhontenti efunekayo ukufikelela kwiziphumo zokufunda. Kufuneka ootitshala baziqaphele ezi zongezelelo ukuqinisekisa ukuba abafundi balungiselelwe kakuhle iimviwo zangaphakathi nezangaphandle kumaBakala 10, 11 nele-12.
4. Abacebisi ngezekharityhulam baxelelwe ngezi nguqu yaye baya kunika ingcebiso ezikolweni, ukuba kuye kwakho nayiphi imibuzo.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba abasebenzi abachaphazelekayo bayazifumana iikopi zala maxwebhu akhankanywe kule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:04:20


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).