1. Esinye seziphumo ezichazwe kwi-National Curriculum Statement for Life Orientation kwiCandelo leMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training Board) kukuba umfundi makakwazi ukubonisa ulwazi analo yaye akwazi nokwenza izigqibo ezizizo ngokumalunga nokuqhubeka nokufunda, akwazi nokukhetha izifundo zokumkhokelela kumakhondo omsebenzi.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi bayaxelelwa kangangoko ngamathuba amaninzi afumanekayo kwilizwe lezengqesho, ngamathuba engqesho afanelekileyo nangamakhondo omsebenzi anokukhethwa njengoko beqhubela phambili nokugqibezela ikhondo lomsebenzi abalikhethileyo.
3. Njengenxalenye yesicwangciso sezinto eziza kwenziwa sika-2007, i-Ofisi yeNgingqi yaseNtshona Koloni, yoMkhosi wezoKhuselo leLizwe laseMzantsi Afrika iya kuqalisa iphulo lokugaya abafundi ezikolweni eziphakamileyo eNtshona Koloni ngokuthi yazise abafundi ngamathuba omsebenzi akhoyo kuMkhosi wezoKhuselo.
4. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zivumele aboMkhosi wezoKhuselo leLizwe laseMzantsi Afrika ukuba baze kwazisa abafundi bamaBakala 10 - 12 ngamathuba emisebenzi afumanekayo kuMkhosi wezoKhuselo ngokuthi babalungise ithuba elifanelekileyo nelilungele isikolo lokuba baze kuthetha nabafundi.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane yecandelo lophuhliso lwekharityhulam bonke ootitshala.
6. Kucelwa uqhagamshelane noNksk DJ Christiaans, uMcwangcisi oyiNtloko wezoLwazi ngoBomi, apha dchristi@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefoni 021 467 2589, ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu.


ISAYINWE: NGU-JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:31