1. Owona mba ophambili we-Masifunde Maqela Reading Project kukukhuthaza abafundi ukuba bafunde qho ngemini, kuze ngokwenjenjalo kukhuthazwe uthando lokufunda eklasini nakwiphondo liphela.
2. Ngokumalunga no-Masifunde Maqela Reading Project (funda iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam 0001/2007), isikolo sakho sifanele ukuba sibe sesizifumene ezi zinto zilandelayo:
  • Incwadana esihloko sithi WCED Reading Programme: Guided Reading Programme for Grades 4-7, yotitshala ngamnye weeklasi zamaBakala 4 - 7

  • Ikhosi yokuqhelwaniswa nale ndlela eyenzelwe aba titshala abakwiGuided Reading Programme

  • Umqulu omnye okanye engaphezu koko yokufunda ehleliweyo (njengoko imiselwe ngokwenqanaba lentlupheko lesikolo sakho lephondo) (school's provincial quintile))

3. Ukongeza, ezi zinto zilandelayo ziya kuthunyelwa ngekhuriya kwisikolo ngasinye:
  • Ikopi yencwadi yokuFunda ngeNdlela eLandela iSikhokelo (Guided Reading Manual) yenqununu

  • I-DVD enika iSikhokelo ngendlela yokuba ingenziwa njani iprogram yokuFunda ngeNdlela eLandela iSikhokelo eklasini

  • Iphowusta echaza amanyathelo asi-8 eprogram yokuFunda ngeNdlela eLandela iSikhokelo

  • Izinto zokuphawula amaphepha eencwadi ezenzelwe abafundi ngokuphathwa kweencwadi zokufunda

4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba abafundi bazuza ngokupheleleyo kwezi zinto zokufunda kubonelelwe ngazo. Inkxaso okanye ingcebiso engaphezulu ingafumaneka kumagosa ekharityhulam achaphazelekayo kwii-MDC.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:26