1. Ubhaliso, iindawo kunye namaxesha asikiweyo
1.1 Esi sisaziso sokugqibela esilandela iNgcaciso eMfutshane yeCandelo leKharityhulam 0019/2007 engokumalunga noomasifundisane abalungiselelwe u-Apreli 2007.
1.2 Njengoko kuchaziwe kwiNgcaciso yeCandelo leKharityhulam eMfutshane 0019/2007, apho kukho ngaphantsi kootitshala abali-12 ababhaliselwe isifundo akusayi kubakho masifundisane wephondo uya kuqhutywa kweso sifundo, ngenxa yeendleko ezinkulu ekungenwa kuzo ekulungiseleleni utitshala ngamnye. Amagama ootitshala abalolo hlobo aya kufakwa kwii-EMDC ezichaphazelekayo ukulungiselela ingcebiso nenkxaso eya kulandela.
1.3 Nazo izifundo, iindawo, imihla namaxesha oomasifundisane abaza kubakho ozithunyelelwayo kwisiHlomelo A. Oomasifundisane baya kuqhutywa ngeeseshoni ezimbini ngosuku. Iseshoni yokuqala iya kuqala ngo-08:30 - 11:30. Emva kwesidlo esilula sasemini, kube yiseshoni yesibini neya kuqala ngo-12:30 - 15:30.
1.4 Ootitshala ababhalise emva koMvulo, we-12 Matshi 2007, abanako, ngelishwa, ukwamkelwa koomasifundisane ngenxa yamalungiselelo enziwayo anxulumene nokuprintwa kwezinto zokufunda, amanani abantu ekulungiselelwe ukuba bafumane ukutya namalungiselelo endawo. Mabaqaphele ootitshala abangabhalisanga okanye ababhalise kade abaye baya kumasifundisane ukuba abayi kubuyiselwa ngazo naziphi na iindleko abangene kuzo.
2. Indawo yokuhlala
2.1 Ootitshala abafuna indawo yokuhlala bafanele ukubhukisha indawo yabo yokuhlala kwaye bangafaka iifom zamabango eziyokufikelela kwi-R750 ngosuku (kudityaniswa yonke into - idinala, ibhedi nesidlo sakusasa).
2.2 Ootitshala abakhetha indawo yokuhlala yabucala bangenza ibango eliya kutsho kwi-R200 eyona mali iphezulu ngosuku. Kwiimeko ezinjalo, makuqhotyoshelwe irisithi kwifom yebango engeniswayo.
2.3 ISebe leMfundo leNtshona Koloni alisayi kuhlawula naziphi na iindleko zeefoni zabucala okanye zokuthengwa kweziselo ezinxilisayo.
3. Izinto ezifunwayo kumasifundisane
3.1 Ootitshala bayacelwa ukuba beze koomasifundisane nala maxwebhu alandelayo omgaqo-nkqubo kunye nezikhokelo, ezazinikwe izikolo:
3.1.1 National Curriculum Subject Statements
3.1.2 Learning Programme Guidelines
3.1.3 Subject Assessment Guidelines
3.1.4 National Protocol on Assessment
3.1.5 Guidelines for ICT Integration with NCS Subjects in Grades 10 - 12
3.1.6 The National Senior Certificate: A Qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF))
3.1.7 Minimum Admission Requirements for Higher Education, Diploma and Bachelor's Degree Programmes requiring a National Senior Certificate
3.2 Iimfuno ezizodwa
3.2.1 Iikhalityhuleyitha ukulungiselela i-Akhawuntingi neekhalityhuleyitha ezisayentifikhi ukulungiselela iMathematika noLwazi lweMathematika
3.2.2 Iincwadi ezintsha zokufunda okanye ezinye izinto zokufunda ezichaphazelekayo zezifundo
4. Iindleko ezenziwe ngootitshala
4.1 Ootitshala mabangenise iifom zabo zamabango kubaphathi bendawo oomasifundisane abaqhubekela kuyo ekupheleni kukamasifundisane.
4.2 Ootitshala baya kubuyiselwa ngeendleko zabo zokuhamba kwaye, apho kusebenzayo oku, nangeendleko zokuhlala.
4.3 Kungoko kufuneka ukuba utitshala ngamnye aze nezi zinto zilandelayo kumasifundisane:
4.3.1 Inombolo yakhe yePesali
4.3.2 Iinkcukacha zobhaliso lwesithuthi asisebenzisayo okanye asisebenzise kwezothutho
4.3.3 Iinkcukacha zebhanki
4.3.4 Zonke ii-invoyisi zenkcitho ngomhla wokugqibela
4.4 Ootitshala abasebenzisa izithuthi zikawonkewonke (iinkonzo zebhasi nezoololiwe) mabaqhoboshele iirisithi ezisemthethweni kwizicelo zamabango abo. Apho ootitshala basebenzisa iimini-bhasi, izicelo zamabango mazikhatshwe ziirisithi ezikhutshiweyo okanye yileta esuka kwinqununu echaza iindleko ekungenwe kuzo. Utitshala ngamnye makangenise ibango lakhe elingqiniweyo.
4.5 Akukho titshala uya kubuyiselwa ngeendleko zokuhamba okanye zokuhlala azenzileyo xa esiya kwindawo ekuqhubekela kuyo umasifundisane esuka kwindawo achithele kuyo iholide, okanye ngeendleko zokuhamba xa engasuki kwindawo ebebhalise kuyo.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba okubhalwe kule Ngcaciso eMfutshane yeCandelo leKharityhulam kwaziswa bonke ootitshala beBakala 10 - 12.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:22

Isihlomelo A  (ubukhulu: 11 KB)