1. Ukuxhasa unyaka wokugqibela wenkqubo yokuphunyezwa kweNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement (NCS)) ngo-2008, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liqalise iprojekthi eyodwa yokunika umfundi ngamnye weBakala 12 incwadi yesifundo (textbook) kuso ngasinye sezifundo zabo ezisixhenxe.
2. Kuya kufuneka izikolo zizikhethe iincwadi zezifundo kunye kwiBakala 12 kwizintlu eziza kuzithunyelelwa kungekudala.
3. Ziyacelwa izikolo ukuba zithathele ingqalelo le ngcaciso ilapha ngasentla xa zisenza ii-odolo zeencwadi zezifundo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:23