1. UMboniso weVeki yokuQatshelwa kweDatha eCacisa ngeeMo ezingeJografi (Geographical Information Systems (GIS)) ka-2007 ngumsebenzi owenziwa ngokubambisana koMbutho we- GIS waseMzantsi Afrika (Geographical Information Systems Society of South Africa (GISSA)) okwiPhondo leNtshona Koloni kunye neSebe leMfundo leNtshona Koloni.
2. Lo Mboniso weVeki yokuQatshelwa kwe-GIS ka-2007 uya kuqhutywa ukususela ngowe-07 kuye kowe-11 Meyi 2007, yaye uya kuqaqambisa uze ucacise usetyenziso lwethekhinoloji kwizifundo zeJografi uze wazise uluntu ngoqeqesho nophuculo lwamancedo neenkonzo kwiPhondo leNtshona Koloni
3. Kulo nyaka wawo wesine, lo Mboniso weVeki yokuQatshelwa kwe-GIS, uthembisa ukuba uza kuba mkhulu yaye uza kuba nezinto ezininzi ezintsha kunangaphambili. Uya kubaneqela lemixholo enomdla namathuba okuthetha ngemingeni ekhoyo ngoku nezinto zakutshanje ezenzekileyo eklasini kwizifundo zeJografi.
4. Iinkcukacha ezizeleyo ngeprogram zinokufunyanwa kwiziko lewebhu leKharityhulam ye-WCED elileli (http://curriculum.wcape.school.za/) nakula maziko ewebhu eJografi (FET)(http://curriculum.wcape.school.za/site/39/page/view/). Izikolo ziza kuthunyelelwa iiphowusta ezinika iinkcukacha ngazo zonke izinto eziza kwenzeka kulo mboniso. Ukongeza abamajelo eendaba baza kumana bepapasha amanqakwana nezaziso eziphathelele kulo Mboniso weVeki yokuQatshelwa kwe-GIS.
5. Lo Mboniso weVeki yokuQatshelwa kwe-GIS, uya kuqhutywa ngaxeshanye kunye nenkomfa emfutshane exukusha izihloko ezimalunga neKharityhulam yeJografi yeFET NCS entsha.
6. Lo mboniso uya kuqhutyelwa kwikhampasi yeYunivesiti yaseWestern Cape eModderdam Road, eBellville, yaye uya kubandakanya neeprogram zokuqatshelwa kwezinto ngokubanzi nezinye izinto eziza kwenziwa. Lo gama iiseshoni zaphakathi evekini ziya kuba nomdla ikakhulu kubafundi, ziyakhuthazwa izikolo ukuba zicele ootitshala ukuba baye nabo ukwenzela ukuba babe nolwazi olubhetele lokuphucula iindlela zokufundisa baze benze igalelo elinentsingiselo malunga nezifundo namakhondo emisebenzi akhethwe ngabafundi.
6.1 Ababonisi (Exhibitors) baya kunika amathuba okuba kubonwe ingcaciso ngemiba yonke engokufunda nokufundiswa kwe-GIS, engoqeqesho nophuculo, babonise iikhosi zamvanje, okuqulathwe zezi khosi, isoftware yezemfundo, iincwadi nezinto zokuncedisa ekufundiseni nasekufundeni neendlela zokufundisa.
6.2 Uthatho-nxaxheba kwiprogram ngootitshala, ngabaqeqeshi, ziingcali zophuhliso lwezakhono nangabaququzeleli kuya kuqinisekisa ukuboniswa kwabo iimeko eziqhubekayo ngoku kweli lizwe nakumazwe ngamazwe kootitshala nakubafundi beendidi zonke nakumanqanaba onke. Kwakhona le program iya kuba liqonga lokwenza unxibelelwano, lokunika ithuba lokwakha intsebenziswano neleengxoxo ngezinto eziqhubekayo.
6.3 Iprogram yalo Mboniso we-GIS iya kugxininisa ekwaziseni nasekuphicotheni imfundo ngezeJografi namathuba oqeqesho. Izikolo ezicinga ngokutshintsha izifundo ezizikhethileyo ziya kuzuza lukhulu ekuzeni kulo mboniso njengoko ziya kuboniswa iintlobo zonke zezinto ezingakhetha ukuzifundisa. Iingcali ezivela kumacandelo ahlukeneyo ziya kufunda amaphepha ukususela ku:14:00 de kube ngu-15:30 nge-8 ne-9 kaMeyi 2007 angezihloko ze-GIS.
6.4 NgoLwesibini, ngoLwesithathu nangoLwesine iprogram ilungiselelwe ukuba kufakwe ootitshala nabafundi bamaBakala 9, 10 no-11 kunye nabazali kwakunye nabo bavela emaphandleni. Izikolo kuya kufuneka ukuba zizenzele ngokwazo amalungiselelo ezothutho ukwenzela ukuba abafundi babenako ukuza.
7. Ayakhuthazwa onke amaziko eSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba axhase lo Mboniso weVeki yokuQatshelwa kwe-GIS.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:23