1. INkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement (NCS)) yamaBakala 10-12 (Izifundo ngokubanzi - General) yenza amalungiselelo esifundo soMculo, njengoko siqulunqwe liSebe leMfundo kwakunye neemviwo zomculo zala maqhumrhu ovavanyo angaphandle alandelayo:
Associated Board of the Royal Schools of Music
Trinity College of London
University of South Africa
2. ISiphumo sokuFunda 1 (Performance and presentation) neSiphumo sokuFunda 2 (Improvisation, arrangement and composition) ziikhomponenti zesifundo soMculo ezenziwayo (njengoko zifakwe kuluhlu kwiNCS).
3. Abafundi banezinto ezininzi abangazikhethayo ezizixhobo zomculo. Nangona kunjalo, izikolo azisoloko zikwimeko elungele ukufundisa zonke izixhobo. Ngako oko ke, abafundi bafundiswa ngezo zixhobo bazikhethileyo, nokuba ngaba bafundiswa bucala okanye kwelinye lamaziko omculo eWCED.
4. Ukuba abafundi abasisigxina bafunda kwelinye lamaziko omculo okanye kootitshala babucala, makuhlangatyezwane nezi mfuno zimiselweyo zilandelayo:
(a) Mayaziswe inqununu yesikolo apho umfundi abhalise khona ngokusisigxina ngala malungiselelo yaye kuqinisekiswe ukuba esi sifundo sifakiwe naso kwifom yokubhalisela iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate).
(b) Uvavanyo lwangaphakathi maluqhutywe njengoko kumiselwe kwesi sikhokelo Subject Assessment Guidelines and National Protocol for Assessment for Grades R-12.
(c) Ootitshala babucala kunye namaziko omculo mabathumele iziphumo zomfundi kwisikolo apho umfundi abhalise khona ngokusisigxina.
(d) Luxanduva lwenqununu yesikolo apho umfundi abhalise khona ngokusisigxina ukuhlanganisa amanqaku omfundi ovavanyo lwangaphakathi kunye nokuzalisa iimakhishithi (mark sheets) ezifanelekileyo zize zingeniswe.
(e) Inqununu mayiqinisekise ukuba ukumodareyithwa komsebenzi womfundi kwenziwa ngokungqinelana neemfuno ezimiselweyo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni.
(f) Zonke iindleko zemali yokufundiswa okwenziwa bucala (private tuition) nezezixhobo zomculo (instruments) mazihlawulwe ngabazali.
5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:05:02