1. Enye yeemfuneko zesilabhasi yethutyana kwi-Music HG ne-SG ne-Music Performance (Second Instrument) SG, kukuba uluhlu lweengoma ezikhethwe (chosen pieces) ngumvavanywa ngamnye kwiBakala 12 malungeniswe kuMcebisi wezeKharityhulam (wesifundo soMculo) ngenjongo yokuba luvunywe (approval).
2. Uluhlu lweengoma (list of pieces) zomvavanywa ngamnye aza kuzenza maludweliswe ngolu hlobo lulandelayo:
  • Amagama apheleleyo nefani yomvavanywa

  • Yitsho ukuba umvavanywa uza kwenza i-Music HG okanye SG okanye i-Music Performance (Second Instrument) SG

  • Igama lesixhobo sokudlala umculo esikhethiweyo

  • Amagama eengoma (pieces) ngokwexesha lesimbo (style period)

  • Izikali neenowuthsi zeengoma (scales and arpeggios) ezikhethwe kwiisilabhasi ezisetyenziswayo ngoku zase-UNISA, Trinity College of London, Associated Board of the Royal Schools of Music and the Step System. (Xela igama lequmrhu eliqhuba uviwo (examining body).

3. Ziyacelwa iinqununu ukuba zingenise zonke ezi zintlu, kwakunye neekopi zeengoma, kuMcebisi wezeKharityhulam (wesifundo soMculo) kwii-EMDC zazo (funda olu luhlu lulandelayo) phambi kwe-31 Matshi 2007.

Metropole Central Mr FA Lewis
Ifoni: 021 467 2504
Ifoni: 021 467 2258
Metropole South
Metropole East
Ms B Pretorius
Ifoni: 021 900 7064
Ifoni: 021 903 2149
Metropole NorthMr K Tabisher
Ifoni: 021 938 3000
Ifoni: 021 938 3183
West Coast & Winelands
Breede River & Overberg
Mr L du Preez
Ifoni: 021 860 1200
Ifoni: 021 860 1231
South Cape & KarooMr J Theodore
Ifoni: 044 279 1681
Ifoni: 044 279 1682

4. Nceda wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:12