1. ISebe leMfundo kuzwelonke kunye namasebe emfundo kumaphondo olithoba aza kuququzelela umnyhadala wokhuphiswano lomculo i-South African Schools' Choral Eisteddfod kwizikolo eziziiprayimari neziziisekondari ngo-2007.
2. Loo mnyhadala wokhuphiswano lomculo ulungiselela imvumi ezicula ngazodwa (soloists), ezicula zingamaqela (ensembles) neekwayara zezikolo kula macandelo alandelayo:
(a) IsiGaba seSiseko
(b) IsiGaba esiPhakathi
(c) IsiGaba esiPhezulu
(d) IsiGaba se-FET
3. Umculo ulungiselelwe onke amacandelo. Iikwayara ezinganqweneli kuthatha nxaxheba kwezi zintlu zomculo zimiselweyo, zingacula amaculo azo ezizikhethele wona ngokwazo.
4. Imijikelo yokukhetha izikolo ezigqwesileyo kwii-EMDC iya kubanjwa ngoMeyi. Iikwayara ezigqwesileyo kwanabo bacula ngabodwa (soloists) abagqwesileyo baya kucelwa ukuba bathathe inxaxheba kumjikelo wokugqibela kwiphondo, noya kubanjelwa eKapa ukususela nge-29 Juni ukuya kwi-1 Julayi 2007.
5. Iikwayara eziziintshatsheli nabacula ngabodwa abaziintshatsheli kwiphondo ngalinye, baya kuya kumela amaphondo abo kumjikelo wokugqibela kazwelonke eRhawutini kusukela ngomhla we 2 -5 Agasti.
6. Zonke izikolo ziyamenywa ukuba zithathe inxaxheba kolu khuphiswano lwe-eisteddfod. Imigaqo yokuthatha inxaxheba nomculo omiselweyo ziyafumaneka kuMcebisi ngezeKharityhulam (wezobuGcisa neNkcubeko) okwi-EMDC yakho. (Funda olu luhlu lulandelayo.)

I-EMDCUMCEBISI NGEZEKHARITYHULAM
(WEZOBUGCISA NENKCUBEKO)
Metropole CentralMr J Cowan/Ms I Bruce
Tel.: 021 659 4300
Fax: 021 659 4413
Metropole EastMs B Pretorius
Tel.: 021 900 7064
Fax: 021 903 2149
Metropole NorthMr K Tabisher
Tel.: 021 938 3000
Fax: 021 938 3184
West Coast & WinelandsMr L du Preez
Tel.: 021 860 1200
Fax: 021 860 123
Breede River & OverbergMs C Ross
Tel.: 023 348 4600
Fax: 023 342 4138
Metropole SouthMs T Bandla
Tel.: 021 370 2000
Fax: 021 372 1856
South Cape & KarooMr J Theodore
Tel.: 044 279 1681
Fax: 044 279 1682

7. Umhla wokuvala amangeno (entries) ngowe-31 Matshi 2007.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ababhexeshi/abalawuli beekwayara bazo zonke izikolo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:03:12