1. Ngethuba leeholide zesikolo zikaJuni-Julayi 2006 oomasifundisane bokwazisa izifundo benziwa. Aba masifundisane babephathelele kwisiqulatho esitsha sesifundo.
2. Iimodyuli zesiqulatho zafumaneka zinexabiso elikhulu kwabo titshala abaye baya kuzo, kulandela izicelo zokuphinswa kwezi modyuli, ezi modyuli ziya kufundiswa kwabo titshala ababephosiwe ngumjikelo wokuqala ngoJuni-Julayi 2006, ootitshala abatsha abangenela eli khondo kwicandelo le-FET kunye nootitshala abafundisa isifundo esitsha kumaBakala 10 ukuya kwawe-12.
3. Oomasifundisane abaphindwayo bezi modyuli baya kuqhubeka ngethuba leeholide zesikolo zangoEpreli 2007. Kwezinye izifundo, ulungelelwaniso lwenziwe ngelokwamkela iimfuno ezisandula ukwalathwa. Kucetyiswa ukuba ootitshala ababhalisayo bafanele ukuba baye kuzo zonke ezi modyuli. Ezi modyuli ziya kusoloko ziqhubeka qho kwisithuba seentsuku ezimbini, ngaphandle kwezo zinxaxhi zibhalwe kwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo.
4. Ukuya kwaba masifundisane kwenziwa ngokuzithandela, ngokubhekiselele kwiimfuno zikatitshala zemfundo kunye nophuhliso kwezoqeqesho.
5. Le program ivumela ootitshala ukuba bandise ikhefu labo ngeentsuku ezimbini kuphela, o.k.t. nge-2 nange-3 Epreli kunye/okanye nge-12 nange-13 Epreli ziya kusetyenziswa. Kwizifundo zombini, iprogram yoqeqesho entsuku-zine iyafuneka ngenxa yobume bezobugcisa bezo zifundo (Funda isiHlomelo A). Imihla yeekhosi seyikhethiwe ukulungiselela iMpela-veki yePasika nokuvumela ootitshala abafuna ukuya koomasifundisane kwizifundo ezibini ezahlukeneyo ukuba benjenjalo.
6. IsiHlomelo A sibonelela ngoluhlu lwezifundo kunye neemodyuli eziya kufundiswa. Kufuneka kuqatshelwe ukuba izifundo ezithile azifakwanga, ngenxa yoqeqesho olunokwenziwa liSebe leMfundo likazwelonke ngeeholide zikaJuni-Julayi 2007, o.k.t. I-CAT ne-IT. Kwezinye iimeko, izifundo ziye azabhalwa apho ootitshala bengabonakalisanga khona ukufuneka koqeqesho olongezelelweyo.
7. Abathathi-nxaxheba koomasifundisane baya kuqingqwa babe ngootitshala abangama-70 kwisifundo ngasinye, kwaye baya kufundiswa kwiindawo eziseKapa kunye nezo zilirhangqileyo iKapa. Ootitshala abasuka kwiindawo ezisemaphandleni baya kubuyekezwa ngeendleko abangene kuzo zokuhlala nezokuhamba ngokwemigaqo ye-Ofisi kaNondyebo (Treasury regulations). Ootitshala kofuneka ukuba benze awabo amalungiselelo okuhamba nawokuhlala nje ukuba oomasifundisane balungiselelwe bagqitywe kwaye nootitshala ababhalisiweyo babe baziswe ngokufanelekileyo.
8. Ootitshala abaya kwaba masifundisane mababhalise kwaNdlunkulu. Ifom eqhotyoshelweyo yokubhalisa (IsiHlomelo B) mayifakwe kuMnu J. Randewyk kwi-imeyili jrandewijk@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 467 2258 phambi komhla we-9 Matshi 2007. Akukho lubhaliso lwasemva kwexesha elimiselweyo luya kwamkeleka. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, nceda uqhagamshelane noMnu Randewijk kwifoni 021 467 2564/2585.
9. Nceda uqaphele ukuba, kwimeko apho ubhaliso lunabantu abanganeno kootitshala abali-12 kwisifundo ngasinye, akukho masifundisane uya kuqhutywa ngokumalunga neso sifundo. Amagama abo titshala aya kufakwa kwii-EMDC ukulungiselela isikhokelo esiya kulandela kwanenkxaso. Izikolo ziya kwaziswa ngokufanelekileyo.
10. Nje ukuba ukubhaliswa kugqitywe, ootitshala baya kwaziswa ngeendawo apho oomasifundisane baya kuqhubekela khona.
11. Ootitshala abangabhalisiyo baya kuthi, ngezizathu zamalungiselelo, bangavunyelwa ukuba baye kwaba masifundisane, kwaye bengasayi kubuyekezwa ngazo naziphi na iindleko abaye bangena kuzo.
12. Iinqununu ziyacelwa ziqinisekise ukuba bonke abafundi bazo bafundiswa ngokufanelekileyo ngootitshala abaqeqeshiweyo. Iinqununu ziyacelwa ngesihle kananjalo ukuba ziwuthobele umhla wokubhalisa we-9 Matshi 2007 kwaye bazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane yeCandelo leKharityhulam kubo bonke ootitshala beBakala 10 ukuya kwabele-12 abafundisa izifundo ezidweliswe kwisiHlomelo A.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:19

Annexure A  (ubukhulu: 22 KB)
Annexure B  (ubukhulu: 34 KB)