1. INkulumbuso yePhondo u-Ebrahim Rasool uza kwenza iNtetho yakhe yeSizwe yePhondo kwiNdlu yoWiso-Mthetho yePhondo ngoLwesihlanu, we-16 Februwari 2007.
2. INkulumbuso iya kusebenzisa eli thuba ngokuthi inike inkcazelo ngenkqubela-phambili eNtshona Koloni ukuza kuthi ga ngoku, icacise ngokuza kuqhubeka ku-2007 ukubheka phambili, ize ichaze ngakumbi ngombono weKhaya loMntu Wonke, (Home for All) apha kwiPhondo.
3. Ijelo losasazo iDSTV liya kusasaza le ntetho irekhodiweyo kwitshaneli i-Parliamentary channel (Channel 58) ngo-12:30. Sikhuthaza izikolo ukuba zibukele iDSTV okanye zirekhode le ntetho ukuze ziyisebenzise njengethuba lokufundisa nokufunda.
4. Le ntetho iya kubonelela ngethuba elihle lokuphuhlisa ulwazi nezakhono eziyimfuneko kwikharityhulam yesiFundo soLwazi ngeZobomi (Life Orientation curriculum) kwi-Social Development and Citizenship Education (IsiPhumo sesiFundo 2 kwi-GET neFET ngokulandelelana).
5. Umzekelo, le ntetho iya kuqulatha phakathi kwezinye izinto, iingxoxo ngezihloko ezifana nendima karhulumente, inkqubo yedemokhrasi, iyantlukwano, ubumi bokuthatha inxaxheba, ubulungisa kwezentlalo, ulwaphulo-mthetho, ubundlobongela, ubuhlwempu, iHIV ne-AIDS nophuhliso lolutsha.
6. Iinqununu ziyacelwa ukuba zazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke ootitshala.


ISAYINWE: NGU-A.M. ATTWELL
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:16