1. Njengenxalenye yemibhiyozo yesikhumbuzo sonyaka we-10 wedemokhrasi yoMzantsi Afrika, uMmeli oMkhulu woMzantsi Afrika eBritane (South African High Commission in the United Kingdom), ngokubambisana neKhomishoni yamaNgcwaba eeMfazwe akuMazwe angamaThanga eBritane (Commonwealth War Graves Commission), bebebambe ukhuphiswano lwesincoko. Abafundi bezikolo eziphakamileyo ezili-18 eMzantsi Afrika abagqwesayo kolu khuphiswano lwesincoko notitshala omnye, baya eBritane naseFransi.
2. UMmeli oMkhulu woMzantsi Afrika eBritane unqwenela ukusiphinda esi siganeko samava afundisayo ngoJuni -Julayi 2007.
3. Abafundi ababini (inkwenkwe nentombazana) baya kumela iphondo ngalinye kwalithoba kula matyelelo ezemfundo okuya kumangcwaba ngamangcwaba eemfazwe apho kulele khona amajoni oMzantsi Afrika aphulukana nobomi bawo kwiMfazwe yeHlabathi yokuQala neyesiBini (World War I and II).
4. Ukuze bafaneleke ukungenela olu khuphiswano, abafundi mababhale - ngokohlobo lokubhala isincoko-ngesihloko samangcwaba eemfazwe (nokuba kungeMfazwe yeHlabathi yokuQala okanye eyesiBini okanye ngazo zombini) eMzantsi Afrika. Esi sincoko masisusele kumangcwaba emfazwe engingqi umfundi akuyo, kodwa ukuba akukho mangcwaba anjalo, baya kuvunyelwa ukuba babhale ngamanye amangcwaba enye indawo yelizwe okanye yephondo.
5. UMzantsi Afrika ubuncinane uneendawo ezingamangcwaba eemfazwe ezingama-23 eziwela phantsi kwamaNgcwaba eeMfazwe akuMazwe angamaThanga eBritane nayinxalenye yeNkcubeko eliliLifa loMzantsi Afrika. IsiPhumo sokuFunda 4 (INkcubeko eliliLifa) kwi-FET NCS History Subject Statement sinika isikhokelo esixabiseke kakhulu ngemiba ethile ephathelele kwiNkcubeko eliliLifa lethu, nesingathi ke sinike abafundi ulwazi ngendlela amababhale ngayo izincoko zabo.
6. Injongo yolu khuphiswano kukukhuthaza kulutsha lwethu ulwazi olubhetele ngendima yoMzantsi Afrika kwezi mfazwe zombini, kunye nokuthatha inxaxheba kwezikolo zabaNtsundu zoMzantsi Afrika, endima yabo ibaluleke gqitha kwezi mfazwe nebisoloko ijongwe njengenaxabiso lingako ukanti maxa wambi de ingakhathalelwa.
7. Imiqathango yokungenela ukhuphiswano:
7.1 Kuphela ngabo bafundi baya kuba benonyaka omnye oseleyo esikolweni emva koJulayi 2007 amabangenele olu khuphiswano.
7.2 Umhla wokuvala amangenelo yi-23 Apreli 2007
7.3 Amangenelo makathunyelwe kuBacebisi beKharityhulam bezeMbali abakwi EMDC. Akukho mangenelo afike emva komhla wokuvala aya kuthathelwa ingqalelo.
7.4 Ngala maSebe, eleMicimbi yangaPhandle, eloKhuseko neleMfundo (Departments of Foreign Affairs, Defence and Education), aya kuphicotha izincoko encediswa yiKhomishoni yamaNgcwaba eeMfazwe eMzantsi Afrika.
7.5 Iindleko zeehambo ukusuka eMzantsi Afrika nokubuya naseYurophu ziya kuxhaswa ngemali nguMmeli oMkhulu woMzantsi Afrika eBritane.
8. Ziyacelwa izikolo ukuba zazise okukule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala bezeMbali neeLwimi.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:01:29

List of EMDC addresses  (ubukhulu: 7 KB)