1. ISetyhula 0056/2007 yachaza ukuba izikolo ziya kufumana iimemoranda zokumakisha zamaphepha eemviwo kazwelonke eBakala 11 nge-imeyili. Oku sele kwenzekile kuwo onke amaphepha eemviwo kazwelonke ukuza kuthi ga ngoku.
2. ISebe iWCED liye lafumana izicelo zokuba likhuphe, ngosuku lokubhala uviwo, iimemoranda zokumakisha zamaphepha oviwo abhalwa emva kwemini ukuze ootitshala baqalise ukumakisha ngoko nangoko.

3. Kwenziwe ngoku la malungiselelo alandelayo ukwenzela ukuba izikolo zifumane iimemoranda zokumakisha ezichaphazelekayo ngosuku loviwo olo:
3.1.1 Amaphepha emibuzo yoviwo akusasa: Iimemoranda zokumakisha ziya kuthunyelwa nge-imeyili ezikolweni nakubalawuli bezithili engabethanga u-12:00 ngosuku loviwo.
3.1.2 Amaphepha emibuzo yoviwo asemva kwemini: Iimemoranda zokumakisha ziya kuthunyelwa nge-imeyili ezikolweni nakubalawuli bezithili engabethanga u-15:30 ngosuku loviwo.
3.1.3 Iimemoranda zokumakisha ziya kufakwa kwiziko lewebhu leCandelo leeMviwo neeMvavanyo kule dilesi: http://curriculum.pgwc.gov.za/site/22/res/view/917.

4. Ngenxa yezizathu zokhuseleko, iinqununu zezikolo maziqinisekise ukuba iimemoranda zokumakisha azikhutshwa ziye eziklasini okanye zinikwe ootitshala phambi kokugqitywa koviwo.
5. Ukuba kunokuthi kufunyaniswe ukuba kophulwe imigaqo yokhuseleko nokuba yimfihlo kwala malungiselelo, la malungiselelo angoku okukhutshwa kweememoranda zokumakisha, aya kuphinda aqwalaselwe kwakhona.
6. Njengoko kuchaziwe kwiSetyhula 0056/2007, makuxoxwe ngeememoranda zokumakisha zikomiti zezifundo (subject groups) ezikhokelwa yi-HOD okanye ngutitshala oyintloko yesifundo, ukuqinisekisa ukuba bonke ootitshala ezikolweni bazilandela ngqo iimemoranda.
7. Iimakhishiti ezivela kwi-DOE zeMathematics, Mathematics Literacy neelwimi zaseburhulumenteni, ziya kuthunyelwa ezikolweni kwakamsinya. Kodwa ke la maxwebhu aya kufumaneka kuphela ezikopi ezingamaphepha aprintiweyo kwaye makazaliswe aze athunyelwe kwiWCED ekupheleni kukaNovemba.
8. ISebe iWCED liyabulela ngentsebenziswano nangokuzimisela kwenu ekusingatheni iimviwo zeBakala 11 nokuqiniseka ukuba semgangathweni kwazo.


ISAYINWE: NGU- Z MODIMAKWANE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:02