1. ISebe leMfundo likazwelonke lenza iziko ledatha yeefizi zezikolo nenye ingcaciso echaphazelekayo yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo zonyaka wesikolo u-2006. Uyacelwa kwakhona ukuba ufunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo leBhajethi 0002/2007 ngokumalunga nengcaciso yango-2005.
2. Apha kuqhotyoshelwe ifom emayizaliswe zizikolo. Kucelwa uqaphele ukuba kukho amanqakwana asemazantsi ephepha (footnotes) enzelwe ukunika ingcaciso ethile ekwifom.
3. Idatha engemali (financial data) ebonelelweyo mayingqinelane nengcaciso ekwiingxelo-mali eziphicothiweyo zezikolo (audited financial statements).
4. Iifom ezizaliswe ngokupheleleyo mazibuyiselwe ngefeksi kwiSebe kule nombolo 021 467 2594 okanye nge-imeyili kule dilesi edunormstd@pgwc.gov.za ungagqithanga owe-24 Agasti 2007 ukuze ziqwalaselwe nguMnu J Kitshoff.
5. Nayiphi na imibuzo malunga nokuzaliswa kwale fom ingabhekiswa kwaba:

IgamaInombolo yeFoni
Ms N Davids021 467 2180
Ms E Davids021 467 2654
Ms I van Niekerk021 467 2181

6. Izikolo ziyabulelwa ngentsebenziswano yazo entle ngexesha lomjikelo wangaphambili. Kwakhona sithembele kwintsebenziswano yenu epheleleyo.


ISAYINWE: NGU-E.I. MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:07:23

Form  (ubukhulu: 9 KB)