1. ISebe leMfundo likazwelonke liqulunqa iziko ledatha leefizi zezikolo nenye ingcaciso echaphazelekayo yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo.
2. Apha kuqhotyoshelwe ifom emayizaliswe zizo zonke izikolo. Kucelwa ufunde amanqakwana abhalwe emazantsi ephepha (footnotes) achaza enye yengcaciso emayinikwe.
3. Idatha ebonisa imali (financial data) mayingqinelane nokuchazwe kwiingxelo-mali zonyaka eziphicothiweyo zango-2005 (audited annual statements for 2005).
4. Ziyacelwa izikolo ukuba zingenise ifom ezalisiweyo kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni nge-imeyili apha edunormstd@pgwc.gov.za okanye ngefeksi kuMnu J Kitshoff, phambi kwe-15 Matshi 2007.
5. Imibuzo emalunga nokuzaliswa kwale fom mayithunyelwe kwaba
Igama             Ifoni
Nks N Davids       021 467 2180
Mnu M Williams     021 467 2179
Mnu I Van Niekerk  021 467 2181
6. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-E.I. MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:02:22

Ifom  (ubukhulu: 11 KB)